Ndikhe ndathi ngolunye usuku ndavuka kwakusasa ndisingise kwenye ilali ekudana nalapho ndihlala khona. Ndahamba ndidibana nenduli ngeenduli zomhlaba, apho ndaqala ndabona ubuhle bomhlaba. Lento ingumhlaba imabala-bala kanti uyakwazi nokuyitya, ndatsho ndabubona ubuncwane bomhlaba. Kwaye kwathi xa ndiyoqabela kwenye intaba lachatsha ilanga ndatsho ndabona umangaliso.

Into eyandimangalisa yeyokuba indlela endilibona ngalo ilanga bendingazi ukuba lihle kangaka xa liphumayo. Limabala-bala, ungathi liphuma ndikothe kodwa lakunyukela phezulu uqale uthi laze latshisa ilanga. Uqale umoya wenze kuphole kamnandi, hayi ubuhle bendalo yona ekwazi ukunakekelana maxesha onke.

Ukuba ukhe uve lantetha ethi inkungu ilala kwiintaba ngeentaba, ngathi ndiyabona xa ndivukayo kwakusasa ithe ntathalala phezu kwemithi ekhula ilukrozo. Ilandela umlambo obhijele intaba, uthi xa wutsolisa amehlo akho ubone ukuba ilele ithe zwiii! Kube ngathi ngumfanekiso othwetyulwe ngomnye wentatheli waxhonywa eludongeni. Kanti akunguwo umfanekiso yinto eyenzekayo ngeloxesha. Indalo inikana uthando.

Umhlaba ndingatsho ndithi yeyonanto intle kakhulu kunye nezinto zawo nezimiliselwe kuwo ngumdali wezulu nomhlaba. Ukuba uyakhumbula kuthiwe xa kuzakudalwa umntu kwaye kwaba nonyikima lomhlaba, kwanyuka inkungu ivela phantsi emhlabeni. Kwakugqiba wadalwa umntu wabekwa phezu komhlaba kwabe kusaziwa ukuba uzakubuyela kwasemhlabeni.

Umhlaba yeyona nto ityebileyo kunazo zonke izinto ezikhona apha ehlabathini, hayi ubuhle bendalo.

Indalo yeyonanto bekumele siyayihlonipha kwizinto zonke esizenzayo kuba yiyo into esithi siphile sihlala kuyo. Kodwa ngenxa yeqhosha elingena ntunja siye senze into ezakuthi isinike imali, silibale ukuba kunezilwanyana eziphila emahlabeni. Thina into ephambili yimali kuba sifuna ukuphila ubomi esingabaziyo, siyeke ukunakekela indalo silime ngolahlobo kwakulinywa ngalo ngexesha lamandulo.

Iye ke yona indalo ingalufumani uthando lwethu kuba thina siye savumela ukuba siboniswe indlela engalunganga yokwenza izinto. Ke nathi saqhubeka sisenza izinto esicinga zizo kodwa besifundisiwe indlela yokwenza izinto, kodwa ngenxa yabakhohlisi siye salandela imfundiso engamelanga ukuba siyilandela.

Ukuba ungakhe utsolise iliso lakho kwezolimo, ekutyeni esikutyayo, uzakuyibona lento ndiyithethayo. Thina singabantu abamnyama, sikhule silima kwaye sivuna ukutya okunesondlo. Wonke athi atye kuko azive ephilile, kwayo omelele, futhi aphile iminyaka elikhulu nento ecaleni. Kodwa ngoku ngekhe uyibone lonto. Khawutsho kengoku yintoni lena ephinde yasitshintsha ukuba sihlukane nengcambu zethu kude kubengoku?

Zininzi izinto ongazigxeka kwindlela esenza ngayo kulemihla kuba silima ngohlobo olukhawulezile, oluphinde lubulale kwa umhlaba lo othi usiphe ukutya okunesendlo. Kwaye zonke izinto ebezinesondlo kuthi azisekho, kwantloba kumele uyozithenga ukuze uzifumane.

Kuba kaloku awukwazi ukuthi into ene “khamikhalizi” uphinde uthi lonto inesondlo. Kuba yiyo nalento siphinde sigcwale kwizibhedlela kuba kuthiwa asidli ngokwendlela ekumele sidla ngayo.

Bakwethu, esi sisopho esivela emazulwini kuBawo wethu owasidalayo. Ukuba bekungadalwanga kwasekuqalekeni ngaba asikho kwathina apha kwelihlabathi. Ngokucinga kwam esona sizathu sokuba sidalwe mva isidalwa esingumntu kungokuba bekufuneka sijonge, sikhathalele yonke into edalwe phezu komhlaba.

Yehaaa ubuhle ndibuthanda njengoba ndizithanda nam, maxesha onke.

***

Khawutsho: Zithini izimvo zakho ngesisincoko singobuhle bendalo?console.log(‘ThelmsSurveyLink::GetLinkArray() returned ‘, false);