Indalo yeyona nto eyathi yadalwa ngezwi. Khumbula ukuba ekuqalekeni kwakumnyama ehlabathini, kuyinzonzobila yamanzi. Kwaye kwabakho izwi elivela phezulu ladala kuba lalithetha into emayenzeke. Kwangoko kwaye kwenzeka. Kwadeda ubumnyama kwavela ukukhanya, kwatsho kwacaca mhlophe ukuba kuyadaleka ngezwi.