Kwakukho ntombazana ethile gama linguLizeka eyayihlala nabazali bayo. Ikhule ingumntana othuleyo obathobeleyo nabazali bakhe ndingathi ngumntana olungileyo xenikweni enegxaki ezininzi, kuba weyengenabo abahlobo esoloko ebayedwa kungekho mntana ofuna ukudlala naye kuba esokola ewe wayelifumana uthando kowabo kodwa lali ngamonelisi kuba babehlupheka ukutsho.

Yahamba iminyaka uLizeka seyintombana noko amabele sewejonge ebafaneni. Basweleka abazali bakhe into yayilusizi kuba ngoko wayeseshiyeke yedwa kowabo engenabani. Izinto zingamhambeli kakuhle nasesikolweni engapasi njengabanye abantwana waye ngonelisekanga tu sisikhubha sakhe nedlela adalwe ngayo nentlupheko akuyo engonelisakanga yindawo abekwe kuyo nguThixo.

Uzamile ke kwizifundo zakhe wade ke wafikelela kwibanga leshumi ebesele encedwa ngotitshala bakhe ukuba alale enento esethunjini, kodwa ke ngelishwa nebhadi akakhange aliphumelele ibanga leshumi. Wayeyintlekisa ebantwini kuba waye ngaphumanga ephepheni. Wacaphuka wagoduka kaloku kuthiwa uThixo unceda ozincedayo zange naye azimisele kuba ngeyephumile naye ephepheni.

Uthe ngenye intsasa ehleli kowabo egcakamele ilanga wakhwetywa lelinye inenekazi edleleni ogama linguNomsa, waya ke ukuyokusabela, elinenekazi lalicela ukuba ngumhlobo wakhe. Wathuka uLizeka ngoba kwakungekho mntu owayefuna ukuba ngumhlobo wakhe kwade kudala esakhula wavuma ke babangabahlobo.

UNomsa keyena wayephuma kwikhaya elingasokoliyo ngoba abazali bakhe babefundile kodwa nangona wayephila obunokonqwenela wayesenza izinto ezimbi kuba waye thengisa nangomzimba. UNomsa wafaka uLizeka kobubomi wayebuphila bothengisa ngomzimba yayiyidlela ewayezenzela ngayo imali uLizeka kuba wayengenabani.

Kwadlula inyanga eziliqela uLizeka wafunyanwa ngumkhuhlane owayehamba nentloko wayokutyeshela kwiziko lmpilo apho waxelelwa khona ukuba unesifo sikagawulayo. Zange zingene kamnandi ezindaba kuLizeka kuba wayesele ebawela nokuzibulala ejikelwe nasisihlobokazi sakhe kuba waye gula.

Wayalwa ke ngamanesi ukuba azitye ipilisi zakhe kaluhle kuba wayesele ephele umzimba lo wakhe ebhityile kodwa ke wazixelela into enye ukuba uzozitya ipilisi zakhe ngehlobo ayalelwe ngalo ngabezempilo. Wayezitya kakuhle ke ipilisi zakhe sele ebuyele nasemzimbeni wakhe waqonda ukuba ufuna ukuphinda abhale ibanga lakhe leshumi kwakhona. Wazimisela ke efuna ukufezekisa iminqweno yabazali bakhe yokuba ngugqirhakazi wafunda engalali tu ebusuku efunda incwadi zakhe. Wade ke walipasa ibanga lakhe leshumi wanethamsanqa kuba waye pase kakuhle ibanga lakhe leshumi wafumana ibhasari yokuba aqhubekeke ngezifundo zakhe zobugqirha. Wafunda ke eWalter Sisulu University apho wafumana khona isidanga.

Inene iminqweno yabazali bakhe uyifezile wabesele efumana umsebenzi eRhawutini apho wafumana khona isoka elingugqirha nalo babesele bayatshata. ULizeka wayesele ephelila ubomi bezityebi ubomi owayekunqwenela esakhula idlala yayiyinto wayesele engayazi. Kodwa kwathi ngenye imini umyeni wakhe wafumana ingozi yemoto wasweleka zange zingene kamnandi kuLizeka ezindaba. Kuba wayengaphangeli waze wagxothwa emsebenzini wakhe efunde enjalo amatyala imaninzi, imoto zithathwa, indlu bebengakayigqibi nokuyibhatala yaxuthwa yonke into. Wayenayo egameni lakhe wazibona sephindela kubomi wayekuphila ngaphambili ephinde wathengisa ngomzimba kuba wayesele engenayo enye indlela yokuphila.

Wayesele eyinto edlwengulwa nodlwengulwa esebenzisa neziyobisi eneneni ubomi bunzima. Wayesele engazityi nepilisi zakhe ngenxa yeziziyobisi kaloku ubomi bakhe babuxhomekeke kuzo wagula azange asinde wabhubha kwabe kukuphela kwakhe.

***

Khawusixelele: Ufunde ntoni kwelibali?