Isiqendu sokuqala

Ndiphaphame kulo mfuziselo wokufa ngenxa yegqantsini yelanga eyatsho ndaziva ingathi ndisondele kwelo dangatya lomlilo wesihogo. Iinkumbulo zileqa-leqana okomntu obaleka isihogo ndikhumbula kobayi zolo ubusuku apho bendicela kowentsana intliziyo ilihlwili, iinyembezi zileqana oko mthombo.

Amandla aye aphela ngokuphela, ndazigadlela kulo mandlalo kuphele nezonyembezj kodwa intliziyo yona yophukile, ndaziva sele ndisitsho umthandazo owawusithi,
“Oyini na Bawo, nguwe owaziyo into eyenzwa ngumntu necingwa ngumntu phambi kokuba ayenze, yini na Bawo, undiyeke ndizifaka kangaka kwizinto zomtyholi,”

Amehlo am aye edumbile, ukuba wawu nokundibona wawuzovela ubenosizi kuba ubuso bam nomzimba wam wawulusizi lodwa.

Isiqendu sesibini

Ndaphakama ndizama ukuziqinisa kuba kwakusele kusemini ilanga lihlab’ umhlaba, ndalungisa ndaya kuyohlala kwabanye indlela ababe bukeka ngayo kwakucaca nyani bonwabile kwaye basempilweni. Kodwa mna ndandingatyhilekanga umzimba uhlile. Kaloku ndingulo wayehleli enesazela, enenzondo enomva ndedwa.

Kwakuthi kwakuhlwa kulalwe ngabantu mna ubuthongo babungehli ndisiva isikhala, sikhalo eso eyayi selo sana ndanikezela ngalo ndisithi ndenza okuhle ndenza okufunwa yintliziyo kanti kukuzikhanda ngenyeke etyeni. Lonto ndayenziswa kuba ndandivaleleke luthando.
Ndandithi ndakuvala amehlo kubuye lo mhla ndandiye kulo nkothovu lexhego legqirha ela ndixelela mandinikele ngosana lwam ukuze ndizuze lowo ndandisithi uzohlala nam kude kufike imin yokugqibela kwam emhlabeni.

Isiqendu sesithathu

Ndavuka ngosuku olu landelayo ngenj’ ixukuxa ndalungisa engqondweni yam ndandizixelele ukuba andiyi kuphazamisa mntu koko nje ndifuna bathi bevuka sele ndamkayo. Uhambo lwam lwalusingise kwelo hlathikazi linge kude kuyaphi kwikhaya elo lam. Elo hlathi lalelo ndasiwa kulo ngulowo ndandimbiza njengo mhlobo kum phofu naye waye ndinceda kuba ndandifuna uncedo kanti kukuzisa kwesikhulu isihogo.

Ndathi ndakugqiba ulungisa ndabetha ngezika Tshiwo ukuya kwelo hlathi ndikhangela lo mzi walo Nkothovu yexhego legqirha. Kwathi ndisahamba njalo sele ndisenzulwini yehlathi ndabona mzi uthile owawu ngxingwe ngamafele ezilwanyana ndaqonda kuwo.

***

Tell us: What do you think will happen at the house?