Abaqulunqi nabenzi bamaqonga onxibelelwano iinjongo zabo yayi kukuba baphucula isizwe. Ngubani owayesazi ukuba imincili yamakhasi onxibelelwano ingenza abantu abadala nabantwana bangalawuleki.

Zininzi izinto esiwasebenzisela wona amaqonga onxibelelwano zikhona ezakhayo ,eziluncedo neziyingozi.Amaqonga onxibelelwano siwasebenzisa xa sifuna ukunxulumana nabahlobo bethu abakwindawo ezikude. Sisebenzisa amakhasi onxibelelwano afana noWhatsApp, Facebook, Twitter no Instagram.

Kumatyeli amaninzi abantu baxhoma imifanekiso yabo bekwindawo zokutyelela,kwindawo zokutyela ezintle nezibizayo, kumabala ezemidlalo, kwiindawo abasebenza kuzo ,apho bahlala khona nalapho bafunda khona. Zonke ezifoto bazithatha kwezindawo ndizikhankanye ngasentla baye bazixhome kumaqonga onxibelelwano ukuze zibonwe ngabahlobo babo.

Imbangi yokuba uninzi lwabantu lusebenzise abaqonga onxibelelwano kukuva ukuba aba balinganiswa okanye abadlali beqonga baku mabonakude nosaziwayo ngokunjalo bangakwazi unxulumana nabo kumakhasi onxibelelwano kwaye bayakwazi nokubona konke abakwenzayo osaziwayo ngobomi babo.

Uninzi lwabantu alunalwazi luphangaleleyo ngokusebenzisa lamaqonga kuba baxhoma zonke izinto ngobomi babo bengaqondi ukuba babeka ubomi babo esichengeni. Zikhona izikrelemnqa ,abagwinti nabaphuli mthetho kwalapha kumaqonga onxibelelwano.

Abadlali beqonga, iimvumi, abadlali bebhola yomyazi, umbhoxo nentenetya, babanethamsanqa elikhulu lokuthi bakwazi ukuxhoma ividiyo zabo zibonwe lihlabathi jikelele kwaye lonto ibenza babe nabalandeli abaninzi. Xa uyimvumi enabalandeli abaninzi nethandwayo uye ubizwe kwimisitho emininzi wenze odume ngazo ugcwalise iipokotho ngezo sentana.

Abanye abantu benza ividiyo bedanisa kwiingoma ezidumileyo benganxibanga ngokufanelekileyo okanye bembethe ingubo yesele, bakugqiba bazixhome kumaqonga onxibelelwano ngenjongo zokufuna ukufumana abalandeli abaninzi kumaqonga anje ngo Instagram. Lo vidiyo iye ityhutyhe kuwo onke amaqonga ibonwe nangabazali ,abantu basekuhlaleni kunye nabadlwenguli.

Baye bathethe kakubi abantu bathi lomntu akazithandi kwaye akawuxabisanga umzimba wakhe. Kubekho nabahlomlayo bembuza ukuba angafuna malini xa enokwabelana nabo ngesondo,akathengisi na. Abanye abantu bade bathi uzicelela ukudlwengulwa ,aphele sele ephila ubomi bentshontsho engcungcutheka esoyika.

Ezinye iindawo zengqesho zifuna abantu abakwaziyo ukuziphatha nabaxhoma izinto ezifanelekileyo nezinemfundiso kumaqonga onxibelelwano. Ukuba uxhoma ividiyo usela utywala unxibe impahla yokusebenza okanye uthukisa, lo nto ingabangela ukuba unqunyanyiswe kwindawo osebenza kuyo onkanye ube nelishwa ungaqashwa nakweyiphi na inkampani ngenxa yezinto ozixhomayo.

Abantwana abasakhulayo babona osaziwayo bexhoma izindlu nemoto zabo ,ze bona baxhome ezabazali babo. Lo nto iwenza lula umsebenzi wezikrelemnqa kuba ziye zibuze abantwana ukuba abazali babakho ngawaphi amaxesha ezindlini.

Ukuba uxhoma imoto yakho ekudidi oluphezulu ivele i number plate okanye indlu kuvele isitalato kunye nenombolo yayo, lo nto ikwenza ubelixhoba lezikrelemnqa. Ungabasengozini yokuqoqodiswa kuthathwe lo moto okanye kuqhekezwe emzini wakho kuthathwe yonke into yexabiso.

Xa uxhoma zonke izizalwane zakho lonto yenza nezikrelemnqa zikwazi ukuqikelela inombolo yamakhadi akho esebhankini bathathe izikhuntyu zemali ushiyeke uyimpula ka lujaca.

Tell us: Wena ucinga ntoni ngendlela abantu abasebenzisa amaqonga onxibelelwano?