Lalimathumb’antaka, ukuya kunina lalikhatshwa yingqele eqhaqhazelisa amazinyo. Ndandityhutyha-tyhutyha kulo mnqantsi uqhina lisinge ekhaya. Ndiman’ukuphumla,ndivuke,ndiye kuba noko kwakusele kukufutshane kwamkhozi.Ndandizixelele ukuba ndiyakugqitha phaya kaloku ngethemba elikhulu lokufumana amaqebengwana, hleze udade wethu njengesiqhelo ndandiyakufika ebhakile.
Awu,umntwan’asekhaya wayegqwesile apho kuba yayisele ingumkhwa into yam yokungakwazi ukudlula phaya ngenxa yevumba elivuzisa izinkcwe.

Ndaphathelela ndisiya ukutsiba lo heke yayingathi ndidlala unomasele.Tyhini kaloku amadolo am ayesele evakala ngokungathi aphelelwa yincindi. Kwalile xa ndikude kufuphi nomnyango ndakhawulela yincwina engathandekiyo kodwa noko ndaqhubekeka ndaya kunkqonkqoza.

Emva kwethuba ndigcabile, ndichachatheka kuloo mnyango weplanga lo mgamtriya ndeva umoya ungxola ngokuqhelekiyo kwiindlebe zam. Ubuso bam baqalisa ukunambuzela ngokungathi ndibanjwe ngumgibe wentamb’esigcawu. Ndamamelisisa kumana ukukhala gushu-gushu ngokungathi kukho oomakhasel’eziko abadlal’uquluk’ukubhode.

“Ndiyeke! Ndiyeke! Sikhohlakalindini! Ndiyeke!” yayililizwi likadadewethu eliya, likrakra kangangokuba lalisele lingumdadi uphikisana nomsinga.

Ukuba yayingowa kokwenu wawunokuthini xa ephandlwa lijongile? Wawunokuthini xa engcwatywa nguloo amkhonzileyo? Kuba kungabangasa, kuhlwe bekuxoxwa into enye.

Kwathi qatha la mhla ekhab’ingcangw’elele. Ndalikhaba elo cango ndiphephetheka. Ndafika intamo yakhe ithe nkce, intliziyo ingaphandle izizivubeko namahlwili. Kwakukhangeleka ngathi ebenyanzelwe engafuni.

Umbono onganyamezelekiyo ndandingubani mna ukuba ndingawunyamezela, kaloku naye laa mfi umphefumlo wakhe wayengenakuwuhlawulela.

Ukuba ukufa kuka dade wethu kwaba lichiza lesikhwele kuye, kwakunyanzelekile emlandele njengelanga nenyanga. Wena undibek’ityala gweba sendenzile kodwa undixolele sekwenzekile, ngokuba konke kwehle ngesiquphe, bekuyizolo ekhasa simbukele, bekuyizolo udade wethu eyintyatyambo inene.

Wena undibek’ityala gweba sendenzile, kodwa uyazi ukuba yimposo kuwe ukuvula ityala ngokuba kubo kwasekuqaleni yayihleli iyimvano nesigqibo.

***

Khawutsho: Uziva njani wena ngeli bali lo mbhali?