Yaz ubom bumacala mabini okwexolo lomthi. Sikhule sitsala nzima kakhulu nodade wethu sikhuliswa ngumalume wethu, wabe naye esengumntana esadinga ukwelulekwa ngabazali.
Apha ke ekukhuleni kwethu waye waphazamiseka umalume wethu kwanyanzeleka ukuba sijonge enye indawo yokuhlala kuba singenokwazi ukuhlala naye. Saye sathathwa ngomnye umama kwalapha ekuhlaleni, sahlala ke naye, kodwa zange kubemnandi ngoba impatho yayingekho ntle kwaphela.
Sasihamba silala nasehlathini sithi ukuze zitye sigade kulomzi xakuthe akwabikho bantu, sichwechwe siyokuba ukutya. Ngamanye amaxesha sasivuka ngentseni kusalelwe ngabantu siyozama ukusenga kulomzi unenkomo ezinamathole.
Ngelinye ilanga ndaye ndaqonda ukuba mandizigoduse ndiye kulo tata, nyani ndahamba ndayokufika, ndafika ndoyika ungena kuba ndingaziwa ngoba nam ndabona kwakanye ndisiwe uba ndiyongxolelwa ebuhlanti kube ke ndikhule ndingumntu ochamayo xa elele.
Ndahlala ke ngasempompeni de ndabizwa ngomnye utata osebumelwaneni, wandibuza ke lotata ndazichaza, wandisa ke ekhaya ndamkelwa ndahlala kwamnandi.
Kuthe ndisahleli apho ndava kusithwa udadewethu uye wadlwengulwa, ndaye ndakhathazeka kakhulu ngoba ndandingekho for ukumkhusela.
Ihambile iminyaka ndihleli kamandi kulotata, kuzothi ngo2011 kwasweleka utatomkhulu, zaqala ke zatshintsha izinto akwabimandi.
Ndashiyeka nomakhulu, kuthe kusenjalo wagula waphazamiseka kwanyanzeleka athathwe ngodadobawo, ndashiyeka ndihlala ndedwa ke ekhayeni, uye wabuya ke sele ephilile.
Kuthe ekubuyeni kwakhe waze akaphatheka kakuhle ngabantwana baka tatomkhulu since yena ebengu nkosikazi wesibini ebengenabo abantwana ku tatomkhulu, waye wahamba ke wagoduka ngenxayemeko, ndashiyeka ndidinga ndihambe ndihlala, ndilala nalopho kuthe kwahlwa ndihleli khona.
Lihambile ixesha ndayozama ukuxelengela inyama ekapa, ndithe xandifika kuba ke ndingamazi umama wam, kodwa ndabe ndisiva uba ukwaphaya ekapa, ndazama indlela zokumkhangela, ngenene nangenyaniso ndamfumana 2015.
Ndiye ndahamba ke kulendawo bendihlala kuyo ndayokuhlala naye sahlala kwamnandi.
Kuthe 2020 wasishiya ngenxa yezigulo ezinxulumene ne Covid 19, eyaonanto eyandivisa kabuhlungu kukuba besele inguye ithemba lam.
Kuthe ngoDecember 2020 yaqala yankene-nkene impilo kum, ndabe ndingazazi uba ndigula yintoni, nasezibhedlele akubonwanto, kwade kwazofika uJune 2021 bade babona ukuba I’m suffering from PTSD and Anxiety, baye bazama ke ogqirha undidibanisa ne psychology de ndaba kanti ndiba ngcono.
Ngoku ndisazama impilo ngapha ndizama ukuba sikwazi ukuzakhela ikhaya nodade wethu oza emva kwam osele inguye endisele naye.
***
Khawusixelele: Ucinga ntonu ngelibali lo mbhali?