Andikucebanga, andikuchasanga ntonje ndiyakuhlonipha
Uqaqambile kuba uqoshele ngam, kodwa unotshe ukukwambatha hleze undihlanze njengokwayizolo
Ukhukhumele uthwel’intshinga, bonke abandibonayo basol’uMdali osweli mfobe ngabakhe
Ndisivile isandi sakho, ndikuvile ukugquma kwakho,
Ndisiba wosikwa yimfesane undedlule suka wagaleleka uxela imvuala yes’chotho

Amaqhawe akuvile, izihandiba ziyakwazi amakroti ayakungcamla ukuze avuzwe kwizwe ledinga
Ndlalandini uyandisukela, ndlala ndini ndiyasabela kambe nawe usisithulu esi nqikizithungu
Ndinga linye endilaziyo kuzakulunga kaloku wona umoya unentumekelelo
Ndlalandini ezele ohlohlesakhe kazi wobathwala na ukufika kwizweledinga kusinina?
Andibuzwanga ndilozele umtyanti otyalw’utyani ngneno kweziko
Mlisela nemithinjane ithuthunjelwa yintambiso yakho ndlala, edlakaza ihlwili kunozala wabo

Bazisonge kwebabesakuyibiz’ikhaya
Mandlalo ongxongxe okwekrwala lithozamele ubudoda
Ndlalandini isazela siyaphilisa, namhla iintombi zomzi ontsundu ziyandlala-ziyondlulwa
Kambe oonyana babantu bawunabele uqaqaqa bechithwe indlu yobuchopho kwilinge lokushenxisa eseziko kwabosapho
Andizelwe nawe ndlalandiyeke kuba usisimnyama esimnyama namhla kukhanyayo
Abakwaziyo bathi uligwala eloyiswa entlango mhla ukufa kuhlangana neyeza
Awakho amasango aluma kusale igazi kuba ezakho iinduma azinambanguli
Esam isisu siligugu kum ndlandini, lithe lam lisisaqhaga esophulwa iimpondo edolweni
Bomi bam buligugu lam nam ndinamandla kuba ndinobom ndlala ndiyeke soze simanyane naphakade