Khanithi cwaka zole tuu mzi kaPhalo
Phulaphulani bantwana bomgquba
Mazibekwe phantsi iinkqawe maqhawe nani mawethu.
Uyathetha uFaku isilw’esimaxolo-xolo.
Iyathetha inyathi yamaMpondo namaMpondomise.
Uthando yintshutshiso nembandezelo.
Kushiywana ngomonde nenzondelelo.
Kushiywana ngentsebenziswano nokuthobeka.
Ukuthembana nokuxhasana yindima negalelo.
Uthando lingumkhohlisi komdala nomncinci.
Kuba yimincili, ugcobo, novuyo xa luqala.
Kube zizililo neenzondo xa luphela.
Uthando luzele ngamaxhala, zizothuso,
luloyiko, sisingqala, umvandedwa, lukhedamo kunye nodano.
Owu! Uthando ngamahla ndenyuka
Owu! Uthando yimigudu nemizamo
Uthando ngamaxethuka yaye ngumnqantsa
weqhina kunzim’ ukwenyukela, kulula ukwehlela.
Sithi sisezantsi sibe siphezulu.
Sithi sakukhubeka silubuyise unyawo ekutenxeni siphakame,
Inene uthando alusiyondlwana iyanetha lunzulu.
Uthando luzele yintshabalalo,
Luhleli nje lihomba ngamahlazo.
Alikho ixaxavithi lexelegu elinje ngalo.
Luqulathe ubugox’ obonakeleyo.
Lona ngumdali wentiyo kunye nenzondo.
Sisichotho ekuhlaleni nasentsimini,
Kuba lutshabalalisa, izityalo zibune kuphume indonga entsimini.
Kube zizililo nesankxwe ngomhla wentlutha.
Kukho amaxesh’ apho inga ungathi,
Vuleka mhlaba ndingene,
Iimini ezikrakra okwencindi yekhala.
Apho uhamb’ ubetheka, ugileka, utyhobeka.
kukho amaxesh’ apho inga ungathi,
Ndayiwela iJolidane,
Iimini zobumnandi okwencindi yobusi
Apho zonke iingxaki zakho uzishiye kwameza.
Kukho amaxesha apho inga ungathi,
Yithi ubudla, yithi ubudlala kaloku,
Kodwa ngengakusa kuthi qwenge uhleke.
Hayi ukufaneleka kwabathandanayo,
Sisipho semvisiswano nomanyano.
Ubone ukuba inene inene ngumtya nethunga.
Ubone ukuba inene inene yinkunzi nemazi kwizilwanyana.
Yinkcubeko nentsika kwindalo,
Yingom’ evunywa ngomsebenzi wokuzinikela.
Kungasa kuphinde kuhlwe ndinibalisela ngothando.
Mandidle amafutha ngoba iindlebe zenu zode zingeva.
Ngenene nangenyaniso uthando andilwazi.