(umamQithi uyedwa emzini wakhe ucinga ngonyana wakhe uThandikhayi, owatshiphayo akasabhali nakweleswekile)

Ngulindi pasi, akacingi athumele nesheleni, makube ubambe is’ngxungxu kwama buyaze apho kungarholwa nemdaka. Pewu!! Kunani khona uba akutsalele umxeba, abuze nje oku kwempilo. Inene unyana wam sele wazinikela kwi mpilo yase Dolophini, iyimpilo enjani leyo ayiphilayo kulodolophu? ekude Lee kwizihlobo zakhe? Ingaba usayiqonda Indima ekumele ayidlale ekhapha? Inoba uthi sidla ntoni? Umzi wona lona kayise usawazi uba ujonge ngaphi? Uthi’mfuyo inakekelwa ngubani? Inene Ngulindi pasi. (eqhwaba izandla)

thiza ndayiphalisa inqgondo yam(utsho ebambelele es’dleleni) ndathetha apha ndabe ndicinga engaphesheya. haz’ba lehasi’ ndim izakukhwela ntoni ukuya edolophini? Khaw’ Vuke ntombi kamQhithi uyokwamkela indodla uphume koyabulane.

(kusenjalo kuvakale ingxolo yemoto) Yeke! ! nguZanethemba, umntwana onembeko, intobeko nentsebenzo. Uvuse Ikhaya lakhe watsho ngepomakazi yendlu, inene abanye abazali basikelelwe.

Zanethemba : Nkqoo! Ndangena sele ndingaphakathi.

Mamqithi: Tsii utyaphu fike Zanethemba, besele ndingazi noba ndiyakufika njani edolophini.

Zanethemba: uthethuba ntombe ndala ubunjonge ukuhamba ngayo yomibini imilenze yakho, ude uyokungena edolophini?

MamQhithi: yhooo hlekisa mntane Gqobhoka utyela kwisitya seGolide, kanti ndingaya ndibuye andithanga nqa! Ngalamakhohlombe wenu.

Zanethemba: hayke Xakunjalo mandikhululeke (watsho ehlekele phezulu)

Mamqithi: akusaqhulwa Nani? uthi ungandishiya ndiyokuma es’phambukeni, ndilaqaze imini yonke ndixeli Kati ebolekiweyo. ndigade is’thuthi esinondichola?

Zanethemba: Asoze ndiyenze lonto nanini na, wena ufana nqwa nomama ondizalayo. Ingaba ndilahla intsikelelo zam ngefestile.

Mamqithi: Xakunjalo masithi chuuu nexesha sele limkile, ndingadla ntoni xandiphoswa lusuku lwendodla. Kaloku Unyana wam ngus’phatshu othinjwe lilizwe. Yinkomo yobulunga yona kuxhwithwa kuyo.

Zanethemba: masithembe ntombe nkulu a kunjalo, lamadoda ayathanda ukuthula. Avele umntu nes’thonga semali nkumangali lali, sithi batshipile kanti bafukamele izinto ezinkulu.

Mamqithi: kungangcono xakanti liyinyaniso elo (utsho evala umnyango, baphuma nge heke bayokukhwela imoto)

(ihambile ngokwenene imoto kaZanethemba unyana KaChithibhunga, yade yayokungena edolophini. Bafike kunyakazela begilana ngezifub’abantu, kulomngcelele umde usuka eposini unqamleze indlela wayakuma ngakwi ziko lezempilo. Iinkonde neenkondekazi zime ngomonde zijonge imali yesibonelelo, zizonkinkqa amangqongo anyabe)

Kwalapho Kulonyambalala yabantu, kwakukho is’qhwaga esingu Thole. Umfolona wayelinxanwa elidume kakhulu, Wayengahlalwanto tuu. Ezitshisayo zaziphakwa nguye, kuzo zonke ilali zase Machubeni waye saziwa. Maxa wambi abanye xabem’biza babesithi ngu “Dizamahlebo”.uDizamahlebo wayengahlelanga Yedwa njenges’qhelo, wayephahlwe ligquba labafana behleli ngezinto zabo ezibandayo. Babemane besithi mpoo! Kudliwi mbadu batsho nges’qhazolo sentsini banqwanye banjonge phezulu, amehlo bewavale mbaa! Bathe

Ngophandlwa ngumnyobo’qumbile obengezelayo, ongenzi kwangxolo. kwaye kwazola basheka beqhwethana bonke abafana, bajijitheka iintamo zakruneka. ingulowo nalowo uncwinela phezulwana Odlula ngedlela ebenofunga bagcuma zintlungu, isandi esasivakala ngu “Yhoo” “ncincinci” “mhmm”!!. Kubonakala ukuba bothukile. Ukumisa kwayo lomoto kwehla uZanethemba.waphuma sebonakala ukuba unesigqezu, enguphungu-phungu onyuse amagxa efinge intshiya. Impumlo uyinyuse yayokuma ebunzi, is’khiya esi semoto umane esikhenkcezisa ekwa cela namehlo unyana womntulo. Wahamba wayakungena evenkileni wathenga isiselo esibandayo, wabuya wavula ucango lwemoto wehlika uMamqithi. Wandula ukumanga waze wamnika isiselo evalelisa,kucaca mhlophe ukuba Iindlela zabo ziyaqhawuka ukwenjenje.

bamtyibeka bantu ngezincomo, bedlisela ngedlela avuse ngayo ikhaya lakhe. Ingu lowo unebhongo neqhayiya ngemisebenzi emihle athe wayenza, kunconywa inene unentsebenzo unyana KaChithibhunga. Akubanga mizuzu mide, wangenelela uDizamahlebo kuloncoko. Wavela segxuphuleka okwempukane eMasini, abantu bechasi iindlebe befuna iindaba. Wakhuza kwa Kanye wathi mandilandi mbali!!! Izilerha azizalawa zenziwa ngabomu, bakhuza bantu yiza nazo mahlale shushu! Badize bona namahlebo wabo. (kwalali ntsini)

Wathi mpoo!! Waqhabalaka. Kungomhla wes’bhozo kweyeSilimela kunyaka ka2001, kubanda ingqele iqhaqhazelis’amazinyo. uThandikhayi wenza um’bulelo ekwa valelisa kunina umamQithi. Wayefumene is’thuba som’sebenzi kwelasetshona kapa,yabazindaba ezimnandi ezo wagwetywa ndlala nengcambu zakho. uhlobo ewayevuya ngalo lalinga thetheki. Njenga mzali wonke umamQithi waziva engumntu ebantwini, noko akayedwa kukho umntu azakukhaw’ lelana naye, bancedisane kuzo zonke ingxaki zekhaya. Lafika ithuba lokuhamba, Bakhwela bebaninzi kwisithuthi eso. Engazi noba uyakufika alalephi, atye ntoni.

Yatyatyadula yade yayakufika kumhlaba wase Kapa (kwelentlantsi) , behla abantu ngobuninzi babo. Zewashekele yena ngasemva, yaphinda yatyatyadula yayokuma ezimbacwini zase Gugulethu. Wehla ehlangabezwa nguZanethemba, atsho ehla amaxhala izibilini ebesele ezixhomile umfo. Baxhawulana bekhumbuzana ngezase lalini kwahlekwa kwamnandi. Umbabe ngesandla benza lomngcelele ubheka pha, bethubeleza kulomxinano wamatyotyombe bade bayokufika kwelinye, elacaca ukuba akuhlalwa kulo ligcinelwenje imikhuba emibi.

Buphuthu-phuthu sele ebugxama uZanethemba akasathandisi mntu kengoku, “mfondini beka umthwalo wakho kule “Hoki” ukuphe oku kwesazisi sakho! Uyaqala namhlanje emsebenzini”. Esamangele uThandikhayi kwangena iz’gantsontso zamadoda ziphethe imali ngetyesi, Azange abuze kwanto wathi rhutyu isazisi sakhe. “Wathi sendilungile singahamba” , ngelitsolileyo wathi uZanethemba “awuhambi nathi uzakuhamba wedwa ngesakho isithuthi, sandule thina silandele emveni kwakho” . Naleyo Azange ayiphikise wenza njengoba eyalelwa waqhuba isithuthi eso, uthe Kanye xa edlula kudederhu lwevenkile amagosa ezendlela amisa isithuthi sakhe bamcela ukuba ehle bazokwazi ukwenza uqgoqgo. Aqhuba ngomsebenzi wabo amagosa ezendlela ayiqgoqga kanobomi ze afumana iziyobisi, latshone mini langa inene ilishwa Liya kwazi kowalo. wathi ecacisa ukuba akazinto kwaye akanguye nomnini wesithuthi. Yafika ingcaciso yakhe yawela phantsi, ubusuku balomini wabutyela kwesimnyama isisele. uZanethemba wemka wayotshona Negama lakhe, eshiya uThandikhayi unyana kamamQithi kwelinomhlwa. Kwinkudla zamatyala wayengaveli nango nwele, wagwetywa uThandikhaya udilika jele. KuZanethemba baqhubeka Ubomi NJENGES’QHELO esidla imali eziza ngondlela mnyama. Kodwa lento ilivili Iyajikeleza ne yakhe imini iyeza.

Umbhali: Zihnziswa Nyokana