ISAHLUKO SESITHATHU
“Mhlobo wam uvile ukuba uVusumzi ubuyile apha elalini?” UThenjiwe ephefumlela phezulu kudinwa kukubaleka.
“Omphi uVusi ngoku?” Wabuza uSinesipho ngelona lizwi liphantsi.
” Tshini lentombi ayaphola! UVusi wakwa Ngconde lo uneminyaka esixhenxe edukile,” watsho uThenji ngelizwi eliphezulu.
” Suphosisa sihlobo!” Esaphethwe kukothuka uSinesipho.
” Ndiyakuxelela mhlobo wam, goku uzothini uzothetha naye okanye uyombona?” Wabuza uThenji.
” Thenji mhlobo wam akhonto indidibanida noVusi umna, akhonto ndizoyithetha naye kuba andifuni nto izondidibanisa naye,” waphendula njalo uSinesipho ngelizwi elirhabaxa, eshiya uThenji nemibuzo.
UVusi waye wacela uSinesipho ukuba abesisi nqandamathe sakhe emva kwentsuku zomcenga uSinesipho wathamba wavuma, ngephanyazo kwathi ngosuku olulandelayo uSinesipho wava ukuba uVusi akasekho umke waya eGoli akazange abekwisimo esilungileyo emva koko.
“Utata wakho utshilo nzakufumana apha,” watsho uVusi ezama ukuchwechwela uThemba owaye mnikele umva.
Wothuka uThemba akuva elo lizwi aliqhelileyo waphakama emxumela ukuyombulisa. “Mhlobo wam wakudala , yhoo! Ndoda uvelaphi?” Wabuza uThemba ebonakala enovuyo.
“Mhlobo wam omkhulu ndibuyile eGoli,” ndaxolisa ukunqaba kangaka, waphendula njalo uVusi.
“Eish! Mfo uTata wakho wayicacisa ihambo yakho, andiyazi sayiphosa njani ukuyiqwalasela lento phambi kokuba yenzeke mhlobo wam,” watsho uThemba echopha elityeni.
“Yazi Themba mfewethu ndandicinga ndizokufa ngoba busuku,” watsho uVusi ngelizwi eliphantsi.
” Ndivuyela nje ukuba ulapha phambi kwam mfowethu usaphile qethe,” watsho uThemba embetha egxalabeni.
” Nam mfowethu, ngoku kufuneka ndizofezekisa eli phupho kudala lindihlupha lokwakha le kliniki,” wavakala esitsho ngelizwi eliphantsi elikwanako nokungcangcazela.
” Kunjalo mfowethu, akufunekanga uwaphikise lamaphupho kuba akusindisa,” wangqina uThemba.
“Ndizocela mfowethu undincedise kule kliniki, kuba nguwe owazi abantu belali ndizodinga abekhi bezindlu, abagqwesileyo obaziyo, kuba andifuni yakhiwe ngabantu bangaphandle le kliniki,” wacacisa uVusi.
“Ndingavuya kakhulu ukunceda mfowethu, uyayazi ndihlelinje ndisecaleni lakho ngamaxa onke,wavuma uThemba embamba isandla. Enkosi mfowethu,” wabulela uVusi.
Ezanzulwini zobusuku uMagawula wayesemlanjeni kuxa eqalisa intakatho yakhe eyobona imimoya yakhe engcolileyo “Magawula, magawula!” Latsho ilizwi livakala kwimbiza ewayeyiphethe uMagawula.
“Ndimamele nkumkani wam omkhulu thetha nesithunywa sakho,” waphendula uMagawula.
“Isitha sethu esikhulu sibuyile, ndifuna uqhubekeke nela cebo lethu lakudala,”latsho ilizwi.
“Kumkani wam ngoku ndandicinga ukuba sadlula kunyana ka Ngconde kudala,” waphendula ngelizwi eliphantsi uMagawula.
“Magawula!, Magawula!Madawula engabonwa, Magawula kugawuleke, (ilizwi ligqokrola) Sufuna ndicaphuke, usithathaphi isibindi sokundibuza, wena unayo enye indlela yokufumana igazi lenye inkosana uThemba?” Labuza ilizwi livakala linomsindo.
” Ndaxolisa tata ndakukhaba isicithi kuphume into . Ndithembe wena mbokodo enamandla.”
“Hamba ke Magawula uyoyenza imisebenzi encomekayo,” lavakala lisitsho ilizwi.