ISAHLUKO SESIBINI 

Ngokuhlwa wafika uVusumzi ehamba ngemoto yakhe( IRANGE ROVER) emnyama ngombala. Wamkelwe ngezandla ezishushu ngabazali bakhe, baze bamsa kuBawo uTshawe owayeyi nkuntsela yenyangi ukuze aqiniswe . Babuya ngobusuku kwaTshawe baze balala kukudinwa. Ngentsasa elandelayo uVusi wavukela ebukhosini apho wayeyoxoxa neKumkani malunga ne Kliniki awayefuna uyakha.Ahhhhhhhh Daliwongaa ! (ekhahlelwa ngunyana ka Ngconde) “Ndiyavuya ukubona nyana kaNgconde tshini!ukhulile mani,” watsho ukumkani uDaliwonga.

“Nam ngonkunjalo nkosi yam”, waphendula ngokuzithoba uVusi.

“Khawutsho ke nyana xa ucinga sizowafumana njani amayeza azoncedisana nale kliniki ufuna ukuyakha?” Yabuza iNkosi.

“Amayeza azokulandwa ndim buqu kwivenkile yam yamayeza eGoli, ukuze nabani na ogulayo anyangeke,” waphendula njalo uVusi eqinisekisa.

” Aww! Unayo nevenkile yamayeza eGoli, hayi mandivume ndithi kwaNgconde bakhulise intsika, ndiqinisekile ukuba uyihlo uyazidla ngawe, watsho uDaliwonga,” batsho bexhawulana.

Kunjalo nkosi yam ndinayo , ngeyamayeza onke adingekayo kwi kliniki, kwaye noTata uyaziqhenya nyani ngam,”waphendula ngokuzithemba uVusi.

” Kulungile ke nyana uyayifumana imvume yokuyakha lo kliniki ukuze incede abantu belali ngelali, kuba kudala bekhalaza ukuya edolophini kuze bancedakale, xa ucinga kuzothatha ixesha elingakanani ukuyakha? “Wabuza ukumkani.

” Ndabulela Kumkani yam, mtomkhulu awuyazi lento ithetha lukhulu kangakanani kum, yona ingathatha inyanga enento ukuba abasebenzi bayakhawuleza , waphendula njalo uVusi encume engaziva uncumo ewayenalo lwaluxhaswe zindlebe kwaye luxolisa intliziyo.

“Ndim obulelayo kuba abantu bazokutsho bafumane imisebenzi ,ndenze ndiziqenye ngawe ke nyana ka Ngconde uyakhe le kliniki,” yatsho ikumkani.

“Ndakwenza njalo nkosi yam, ndicela ukubuza ukuba unyana wakho uThemba ndingamfumanaphi kumkani yam?” Wabuza ephakama uVusi.

” Use mfuleni uThemba uthe usafuna ukuyocinga yedwa,” waphendula njalounkumkani nayo iphakama.

” Ndimlibele kanene umhlobo wam ukuba yena nomlambo abohlulwa,ngumtya nethunga, mandibeyindlela kumkani ndiyabulela kwakhona,” watsho uVusi.