Igama lam ndingu Ayonanga Gqirana, ndizalwa ngu Thandeka Maru (uMama) kunye no Siyabulela Gqirana (uTata). Ekukhuleni kwam ndakhuliswa nguMakhulu wam uNoxolo Maru, uMalume wam uZuko Maru (ubhuti kaMama) kunye noTata wam. Emva ko kumnka kuka Mama ndaye ndahlala iminyaka emibini ekhayeni lakhe kunye no Mama wakhe no Malume, kodwa ndathi ndakugqiba iminyaka esibhozo (8) ndaya kuhlala noTata, ndisahlala naye kunangoku. UMama ukumbona ndagqibela ndimncinci kakhulu, ndandikwiminyaka emihlanu (5) ubudala. Kungoku ndineminyaka elishumi elinesihlanu (15), ukutsho ndamgqibela eminyakeni elishumi eyadlulayo.

Ekuhlaleni kwam no Tata bekumnandi kakhulu, ebendenzela yonke into endiyifunayo kwaye engafuni nantwana ngam. Ebesenza konke okusemandleni akhe ukundikhusela, bendisiya kulo Mama qho ngeHoliday so bendingaba nqabelanga. UTata waye watshata ke noSisi uBulelwa Dyasi, emva komtshato wakhe zange ndiphatheke kamnandi endlini ka Tata wam, bendihlukunyezwa nguye uMama lo uBulelwa kunye nenzala yakhe. Ebenabantwana ababini amawele, uAmahle no Asange, ngamantombi omabini alingana nam ngeminyaka.

Babesenza konke abanako ukundibona ndihlupheka emzini katata. Ndandingamxeleli yena uTata kuba lento bayenza xa engekho esemsebenzini.

Ndiyi ntombi equm qum kemna, ndimhlophe ngokwebala ndifuze utata lo, ndinenwele abathi yi Afro xa beyibiza. Ndikwanazo nezinxonxo (dimples) nendifuze kulo Mama ngazo. Ndenza ibanga leshumi ngoku, kunye namawele ka Mama omncinci.

Mayelana noMama wam, ndiyamazi yena ndinako nokumbona emakhasini onxibelelwano (social media). Watshata kwaye unabantwana bathathu abaza emva kwam, mnye omdala kunam ndiyacinga ngowoMyeni lo wakhe. Ndizamile izihlandlo ezininzi ukumbhalela uMama imiyalezo kodwa waphendula kwakanye ebhale kanje “Molo Ayonanga, kudala ndiyibona imiyalezo kwaye andikuhoyi ngabom, nditshatile apha kwaye ndinabantwana andinakukwazi ukushiya olu sapho ndinalo. Zixolise ke sisi, noko unaye uTata akungathi awunamntu.”

Hamba nam Mfundi xa ndiqala olu hambo.