UAyonanga yintombi eyashiywa nguMama wayo esiya kufuna umsebenzi, akazange aphinde abuye. Washiywa eneminyaka emihlanu (5) eshiywa nosapho luka nina, nowathi xa egqiba iminyaka esibhozo (8) wayohlala noyise wakhe. Yise lowo owathi ngonyaka olandelayo wafaka umfazi endlini watshata umntu onabantwana ababini abakwa lingana no Ayonanga lo. Engazi nakancinci ukuba kungeke amanzi endlini, lo mfazi edibene nenzala yakhe baphethe uAyonanga kakubi, kwaye bayenza xa uTata wekhaya engekho lento kuba beyazi ukuba ayilunganga.
NoTata lo naye xa esezingcingeni uyayicinga into yokumshiya lomfazi kuba kwanaye umhlelise ngentsula enye.
Ukanti uAyonanga lo unako ukumbona uMama wakhe kula makhasi onxibelelwano, azame nokumbhalela imiyalezo kodwa nina uyijonga nje. Kubonakala ngathi uMama wakhe waye watshata waba nabanye abantwana, kulo ndawo akuyo.