Uzuhambe undikhumbule ebomini

Ndizingcambu zemvelaphi yakho

Ndiyimbali eyabadlulayo kweli

Ndisisitya sobomi; apho uyakutya uhluthe unaphakade

Ndingumbongo owakhiwe ngama gama abalisa iimfihlo zokhokho no khokho babo

Uzungandilahli ndiyincwandi enemfundiso zobomi

Ndingumthombo wamanzi wokuphelisa unxano lwakho

Ndisesasibane sasigqame emehlweni wakho useyidyongwana

Xa ndikuhlahla ndikushiya nabani na?

Umhlaba umnyama ugcwele iingcuka 

Ndiza kuhamba phambi kwakho ndikulwele njengasithunywa sakho

Ndiza kuba lithemba lakho

Ndiza kuba yintsika yakho

Uzusimele emazweni xa impumemelo ikuwele

Uziphakamise nawe njengendebe oyiyo

Uwenyusele phezulu amagxa kodwa ungazilibali