Nangona wahamba ndiseyimveku nje,
Iyabonakala indawo yakhe ebomini bam
Nangona sele ndiyindoda nje ngoku,
Kodwa zimane zisihla iinyembezi xa ndimcinga,
Ndicinga ukuba inokuba ngebunjani ubomi
Ukuba ebekhona yena
Kaloku ndazi intwanana yolonwabo,
Amaxesha amaninzi ndintywizisa iinyembezi
Kaloku ndishiyiwe zizihlobo nendibathandayo,
Ndadinga igxalaba lokulilela akabikho umama
Bundibethile ubomi akabikho umama azokundixhasa
Mhla ndiwileyo zange kubekho mntu wokundiphakamisa
Nangona nje ubomi bunzima,
Ze umxelele umama ndiyaphila
Utsho kuye ukuba ngoku ndiqinile noko,
Ndiyakwazi noxa ndiwile ndivuke ndizivuthulule
Ndithi noxa iinyembezi zifuna ukuhla
Ndizibambe ndikhumbule ukuba ndiyindoda ngoku
Yitsho kuye ukuba ndiyakwazi ngoku ukuziphilela,
Ndinazo izisombululo kwiingxaki zam
Ndiyakwazi nam ukuhoya abeza emva kwam,
Ukuthuthuzela abo banyembezana
Umazise ukuba noMakhulu sewalandulela eli,
Kundithathe ixesha ukwamkela ukuba akasekho
Kodwa ke ndamkele ngoku,
Buyaqhubeka ubomi
Mazise ukuba umnt’akwethu umane ukuphambuka,
Kodwa ndiyazama ukumlungisa
Yena udade wethu uyaphila, naye uyazama
Umama unabo nabazukulwana phaya ekhaya nezizuku-zuku
Mxelele ukuba sonke siyaphila,
Siyafuna ukumbona emathongweni