Ikhaya Lam

Aaa!

Uthando lona lukhona,

Ndingathini na?

Wandithanda engakandazi, engekandiboni

Undifundisile ukuzithanda,

Wandibonisa indlela yokuzikusela.

Ngomthandazo yindlela yokulwa umthyoli,

Uthando lukamama luyamagaza.

Into endiyifundile kuye yinto yokuba

Nosekunzima uyayimela into yakho

Wathi kuyanyamezelwa xa ufuna impumelelo

Andazi uba Ndingathini amazwi andinawo,

Nokoyika ngenxa yakho kumkile

Ubani na ongoyisa mama ngabantwana bakhe?

Ngabe uzivimba uxolo, umenya inkohlakalo

Ukudlala ngobuntu bakhe kuzivalela iintsikelelo

Wathi kum ume entweni nobakuthiwani,

Ntombi ka Thiyane,

Mthimkhulu Ima,

Ima MaNkosi

Ima Tholelesilo

Ume!

Fetso, uyathandwa ndim