Ho-oyina! Ho-oyina!
Kuthi mandihlahlambe yimincili!
Kuthi mandizingomb’isifuba,
Ndakondel’ulutsha lwethu;
Ndakulozel’iintsana zethu.
Ibiyintoni na kakade?
Ibingumona na kakade?
Le nto bebeyifihla le mfundo?
Besith’umAfrik’udangele?
Namhla amazinyo ziinyanda , intlaka likhala.
Ukuhleka kuphenduk’iinyembezi.
Babengamaz’umntwan’omnt’omnyama!
Babebon’isithithiny’esimnyama.
Hambani ma-Afrika hambani!
Gqabadulani mahash’omzi kaPhalo ,
Nibabonise nina lutsha lwakowethu.
Nenze nje , nenze nje , nenjenjeya-a!