Ho-oyina! Ho-oyina!

Kuthi mandihlahlambe yimincili!

Kuthi mandizingomb’isifuba,

Ndakondel’ulutsha lwethu;

Ndakulozel’iintsana zethu.

 

 

Ibiyintoni na kakade?

Ibingumona na kakade?

Le nto bebeyifihla le mfundo?

Besith’umAfrik’udangele?

Namhla amazinyo ziinyanda , intlaka likhala.

Ukuhleka kuphenduk’iinyembezi.

Babengamaz’umntwan’omnt’omnyama!

Babebon’isithithiny’esimnyama.

 

 

 

Hambani ma-Afrika hambani!

Gqabadulani mahash’omzi kaPhalo ,

Nibabonise nina lutsha lwakowethu.

Nenze nje , nenze nje , nenjenjeya-a!