Amazwi ebendilungise
Ukuzityanda igila ngawo
Asuke aphela emqaleni
Umbilini wanyuka ngombefu
Intliziyo yangqisha ngesinye isigqi
Ndakhangela, ndifacisa
Ndifuna umwelela undithobe umbefu
Undiweze ngapha kwesifingo soloyiko
Ndasuka ndaza ze
Amanzi emadolweni andenza nzima
Ndazibuza “Ngumqondiso mni na lo?”
Ndaqutyulwa luloyiko
Kanye xa ndizakuphalaza imbilini
Ndikuchubele ngokusenyongweni.
Namhlanje ndibhala lencwadi
Ndiyibhala ndim’ entungo
Ndikuhlinzela iimvakalelo zam
Nazi ndiziqwangqulula
Ndizobela wena zonke
Konke okwam kungokwakho
Kungomqweno wokuba nawe
Uzakundibuyekeza ngemvakalelo enye
Sizimanye sibekunye.
Ntombi ehlamba ngegazi
Thina sihlamba ngamanzi
Ndikuthanda ubunzulu bolwazi lwamanzi.