Amazwi ebendilungise

Ukuzityanda igila ngawo

Asuke aphela emqaleni

Umbilini wanyuka ngombefu

Intliziyo yangqisha ngesinye isigqi

Ndakhangela, ndifacisa

Ndifuna umwelela undithobe umbefu

Undiweze ngapha kwesifingo soloyiko

Ndasuka ndaza ze

Amanzi emadolweni andenza nzima

Ndazibuza “Ngumqondiso mni na lo?”

Ndaqutyulwa luloyiko

Kanye xa ndizakuphalaza imbilini

Ndikuchubele ngokusenyongweni.

Namhlanje ndibhala lencwadi

Ndiyibhala ndim’ entungo

Ndikuhlinzela iimvakalelo zam

Nazi ndiziqwangqulula

Ndizobela wena zonke

Konke okwam kungokwakho

Kungomqweno wokuba nawe

Uzakundibuyekeza ngemvakalelo enye

Sizimanye sibekunye.

Ntombi ehlamba ngegazi

Thina sihlamba ngamanzi

Ndikuthanda ubunzulu bolwazi lwamanzi.