Ngemini yewonga,

Yokubonga amaqhawe

kunye namaqhawekazi,

Kazi elakho lokusabela

liyakubizwa na phakathi kwezazi, asazi.

Qina delakufa

Konke kungengqiqo

Ubomi abusoze bubelula

Kwaye iincukuthu zithe nca

ecaleni kwethu ukusincanca

nelokugqibela igazi.

Hlaba ukhangele Delakufa

Kwimiqobo, kwimiwewe namaxethuka

Xhathalaza nokuba indlela imxinwa

Yiwa uvuka uThixo usengakuwe

Konke kungengqiqo Delakufa

Linga kwakhona ukuze

ngemini yewonga uwongwe.