Jongani izintyatyambo
Zehlabathi
Xa ziveza ubuhle bazo
Jongani inkwenkwezi
Zehlabathi
Xa ziveza ukukhanya kwazo
Mfazi ndini
Uyidlalile indima
ezweni labantu
abamnyama
waqina
Waphakama umanxebanxeba
Wabetha phantsi
ngedolo wathi wena
asoze ubukele isizwe
sakho siphela nje
ngomlilo wamaphepha
Namhlanje sithi
Sibhiyoza amandla akho
Sibhiyoza ukuqina kwakho
Sidlulisa intsuku
zobunzima
Ndithi kuwe
Camagu ngamandla
akho angapheliyo
Ndithi kuwe
Imisebenzi yakho emihle
asoze yalibaleka apha
ehlabathini
By: Bophelo Nkopane The Poet Girl