Jongani izintyatyambo

Zehlabathi

Xa ziveza ubuhle bazo

Jongani inkwenkwezi

Zehlabathi

Xa ziveza ukukhanya kwazo

Mfazi ndini

Uyidlalile indima

ezweni labantu

abamnyama

waqina

Waphakama umanxebanxeba

Wabetha phantsi

ngedolo wathi wena

asoze ubukele isizwe

sakho siphela nje

ngomlilo wamaphepha

Namhlanje sithi

Sibhiyoza amandla akho

Sibhiyoza ukuqina kwakho

Sidlulisa intsuku

zobunzima

Ndithi kuwe

Camagu ngamandla

akho angapheliyo

Ndithi kuwe

Imisebenzi yakho emihle

asoze yalibaleka apha

ehlabathini

By: Bophelo Nkopane The Poet Girl