Ndizakulinda ngoba ndinethemba lokuba sofa silahlane
Ndiyaz’ukuba wena ungowam
Uyazifela ngale ntliziyo yam
Thina sobabini sidalelwene
Wena usisithandwa sam
Uyintliziyo yam ubuqu
Nami ndilinde, ndilinde nam
Nkosazana yam
Ndizakulinda
Uyazi wena bambo uyindaba nantsi
Bathi ngesingesi uyi “big deal”
Andisoze ndalibala ngawe
Ntyantyambo yam entle kunazo zonke
Amagama wethu abhaliwe ezinkwenkwezini
Nguwe kuphela ofikelela ebunzulwini bentliziyo yam
Uhlal’uhlali unendawo Lana
Ndizakulinda njengo Nomathemba bembuz’ukhalelani