Ndino mamanje ndinotata

Kuba owam umama ubuye adlale indima yokuba ngutata.

Ndinomamanje ndino bhuti

Owam umama ubuye adlale indima kabhuti.

Ndinomamanje ndino sisi

Owam umama ubuye adlale indima ka sisi.

Ndinomamanje ndino nomhlobo wenene

Owam umama ubuye adlale indima yokuba yitshomi.

Uyandiyala, andikhanyisele xokukho into endingayaziyo.

Imfihlo yam uyigcina okweyakhe.

Usoloko ezivulile izandla ukundincede kuzo zonke izinto.

Ubabantu bonke kum kuba uyakwazi ukuzivala zonke izikhala zabantu ababalulekileyo empilweni yam.

Ndiyazingca ngaye.