Ngezinye iimini kubangathi ndingabiza bonke abo bathi balishiya eli limagada ahlabayo bazokusilanda Kuba impilo seyisehlule.

Ukufa ngamanye amaxesha kuyayisombulula yonke into,, Kuba lentlungu esiyiviswa ngabantu abathi bayasithanda ayinyamezeleki.

Umntu ngeke athi uyakuthanda kodwa usoloko walala unenxeba eligobhoza igazi ngenxa yakhe

Umntu okuthandayo akasoze avume ngawe, uncamela ukujinga iliso kunokuba ukhale wena

Ndicedeni bantu bakuthi, ndiyithini Na lentsumantsumane?

Ndiza nentliziyo yam imsulwa kodwa ubantu basuke bayilahlela phantsi bayigximfa ngee zonyawo zabo zimdaka, bayilimaza, yalibokoboko

Kodwa baphinde bathi bayandithanda

Ingaba lukhona olothando?

Kona lolwenene Na?

Ncedani bantu bakuthi, mathongo asekhaya, Ndicedeni

Nizokundilanda, Nam ndilifulathele Eli limagada ahlabayo ngoba eyam intliziyo seyonakele, kwaye ayisenakuphola.