Ndibabonile bethetha, begxeka kwaye behleka yonke into endiyenzayo ndathula kuba uba ndikhe ndathetha bekuzakuba ngathi ndim onetyala.
Ndiguqile ndawutsho owasezulwini ngoba kakade sithembe ophezulu.
ndibabonile bengohlukani besoloko bendawonye okwamathe nolwimi kodwa zange ndabahoya ngoba ukuba hoya kwam kuyoba ngathi kukho into endiyidingayo
Ndibabonile bekhombisana behleka ndakubajonga bajonge phantsi kuba kalok abafuni ukuba ndibabone nje ngabantu abangalunganga. 
Ndibabonile bendithuthuzela bezenza ngathi bakwi cala lam.
Kanti xa bebodwa bathetha kude kuphole ukutya.
Ndibabonile belila nam kodwa ndakujika ndijonge emnyango bayahleka. 
Ndibabonile bendikhuthaza befuna ndithethe indaba zam besenza ngathi bandibonisa indlela kanti bafuna ukundenza undaba mlonyeni.