Yinkcala-nkcala,
Okwencindi yekhala,
Kaloku ndiyeke ndicambalale,
Mna ndicande umva womcinga,
Kwelicala linechiza.
Ukuze azuze kwicala lophila,
Umzi ka Xhosa.
Kaloku ndahlala ndicanda amathafa,
Ndizingela incindi yomongo,
Kwithambo kwicindi yomnombo ka Xhosa,
Ndikhe ndajonga mgamafuphi,
Ndikhangela indlela ebumnyameni.
Kaloku ndacankcatha amehlo am,
Ade abone ukhanyo.
Ndim imbongi untwana wesiba,
Ndaxela uhash’ utyatyandula,
Uyotshona kwicingo,
Kaloku ngesihobe,
Ndim ubhali wesiba,
Kuvokotheke kwinkonde,
Xa zitshisa nqawa,
Ziqhum’ impepho.
Kaloku xa ndithi “Chosi”,
Athi amaXhosa “Hele”.
Kube chosi kube hele.