Mzontsundu masibuyeleni Embo

Kutheni siphulukana nesiNtu sethu nje?

Kutheni ingathi sinyasha iinkolo zethu nje?

Kunamhla sibhuqwa zizofo ngezifo

Kuba kaloku abantwana bomgquba baphulukana

Nenkolelo zakwaNtu.

Kutheni sigxagxisa imvelaphi yethu nje?

Masibuyeleni Embo bantwana bomthonyama.

Anisaboni ukuba siyatshabalala isizwe sakwaNtu?

Anisaboni ukuba sifulathela inkolelo nezithethe zakowethu?

Ingwevu ne Nkonde zelilizwe zithule zibukele

Bayakhala abadala bayakhala okhokho bethu,

Kuba kaloku sifulathela inkolelo zakwaNtu.

Masibuyeleni Embo mzontsundu

Kuba kaloku bayakhala okhokho bethu

Bakhalela intlambuluko ephethwe yinkolo yakwaNtu.