Mhlazana ndilal’ukuthula

Ndicela ningandikhaleli,

liyobe lifikile ixesha lam lokubheka

kwikhaya lam lokugqibela.

Ndiyazi lona liyothi lifika ilif’elimnyama

Nibe ningalindelanga, akakho umntu

olaziyo ixesha lakhe sonke sidalwe ngokufana.

Mhlazana ndiwushiya lomhlaba ndiyazi aningekhe

Nikholelwe, Sacela ningandikhaleli

nindiyeke ndihambe ngokuthula

lapho umoya wam uyophumla

ngoxolo.

Ilahleko yam ingaze inimangaze

kakade asizuhamba ngendlela enye.

Kakade thina sidalelwe lonto, into

Ekumele niyazi sonke sisezolahleka

ngedlela ezingaqondakaliyo

Sibushiya ubunyuru-nyuru nobuzaka-zaka

Bomhlaba.

Lendlela ndizabe ndiyihamba yile

Yahanjwa Boo baw’omkhulu

Nabo basilahleka ngendlela eyothusayo

Sade saqhela ukuba abekho

Kwaye sobe baphinde babekhona

De kube lusuku lovuko.

Ningandikhaleli! Ndiyazi abanye

Bendisezintliziyweni kodwa xasendisithele,

Ndiwufulathele lomhlaba

Kuze kungabina singqala nanyembezi.

Ingantle into yoba niwonwabele

Umhla wam wokugoduka

Ukuze ndizolala ngoxolo.

Inye into eniyoyikhumbula ngam zizenzo,

Nempatho, nentlonipho endingayenzanga

Ayikho kulomhlapha kuyobe

Kufike usuku lophumlo.

Isithuthuzelo.