Kuninzi okuthathileyo kum

Kodwa andisoli mntu,

Ndingakusoli nawe

Ndikuvumele,

ndikuvumele ungene

engqondweni yam undenze ndingazithembi,

Ndingawaboni amandla am,

Izakhono zam.

Ndibuhlungu,amehlo am avuza umhla nezolo

Ndicinga izinto engendizenzile

Ukuba wawungazange ungene phakathi kum,

Impazamo engendifunde lukhulu kuzo

Kodwa nalapho andikusoli,

Uvunyelwe ndim

Ndikuyekile undenze ibhola,

Ikhoboka lakho.

Ophezulu undiphile amandla kodwa ndibelikhoboka

Kuba andisibonanga isakhono sam.

Kodwa nokuba ubenegalelo ekungaboni kwam

Isakhono sam

Nam kwakukudala ndisikhangela

Ebumnyameni kungekho sibane sakunceda

Kodwa usuke wongeza inkungu kobo bumnyama ndasuka andabona nto kwaphela.

 Ndiphethe olusiba ndinethemba lokuba

Ndiyazikhulula namhlanje,

Ndiyohlukana nawe namhlanje.

Undiphosise ngezinto ezininzi kodwa

Ndiyaphulukana nawe namhlanje,

Andiselilo ikhoboka lakho,

Ndingumphuphi,

Andinawe,

Ndinamandla,

Ndinesakhono,

Ndingumenzi wempazamo afunde,

Ndingumthathi weengcupheko,

Andinawe