Kusisono na ukulunga?
Sixeleleni nathi sazi
Singamoshi inyembezi zethu xakunjalo.
Bezakuthi besazi sidalwe njani
Benenjongo ngokungale kokulunga kwethu.
Zigqobhokile ipokotho zethu
Kukunceda abantu abangadingencedo.
Bafikile kuthi belila sabathuthuzela bathula
Ekugqibeleni bophula ezethu intliziyo.
Sisele siyalila asinamthuthuzeli
Yeka ukulahla kwethu imbewu ngophoyiyana!
Umntu uthetha noba yintoni efikekuqala
Ngale kokunjonga izosiphathanjani.
Ndivumeleni ndithi ndoyisakele
Eyokulunga yona andiyinqenelimntu xakunjena.