Kutheni lento intliziyo yam

Uyikhaba uyigximfa

Oku kwebhola ekhatywayo?

Iyagxiza ligazi kodwa uyaqhubekeka

Kodwa ke akulo tyala lakho kuba

Uyingcikiva nje le ntliziyo

Amehlo akho agcwele inkungu

Nkungu leyo oyifakwe ndim.

Ndikuxelele ukuba “Nantsi ibhola dlala”

Ndokugqiba ndakwenza awabona

Ndokugqiba ndiyakhala ndithi uyihlukumezelani na

Intliziyo yam

Ndidinga ugqirha wengqondo ngoba

Ayingangawe le.

Udibene nondimangeni we gqiyazana

Elingavuthwanga.

(Kwabo bangaqondiyo ndizokutolika umyalezo walo mbongo:Imbongi apha inento amaNgesi ayibiza ngoba yi “crush”,akayixeleli ukuba uziva kanjani na kodwa intliziyo yakhe iba buhlungu xa embona ehamba nomnye)