Uqabele wegqith’ apha
Engu qongqothwane
Eli gqirha lendlela madoda
Ngubani na lo ndithetha ngaye ?
Xa ingenguye umfo wakwa Yem-yem
Ibiyindlezana lendoda bafondini
Ibingumzali wabazali lendoda
Ibi kwanguye notat’ omkhulu kwabanye
Ibingumxolelanisi aph’ bekungekho xolo khona
Ndithi ebevul’ imizi engasayi kuvulwa
Angene kubuy’ isidima nesithozela bafondini
Kutata osishiye esivulele amasango singabemi boMzantsi
Ndithi lala ngoxolo Yem-yem Ngqol’ msila Vel’ bambhentsele
Imfundiso zakho siya nazo phambili
Nde gram
Nde ncincilili