Ntwephuma kwihlath’ elimnyama nezagweba zalo
Mehlo atshawuz’ umbane
Ngqisha ngonyawo kuqhekeke mhlaba
Mazamla ngamandla kukhal’ abantwana
Bhovula ngezinyo kwinyamazana
Ndivumele ndithi uyinkumkani yezilwanyana
Mabamb’ alolwe alubengu
Nkumkan’ ededelwa ngumhlaba
Ndithetha ngengca yon’ ivulindlela
Kutsho kudede nezilwanyana ndleleni
Imikhono langatyeke ngenxa yozidla
Intamk iphuphusi kwephuphu
Ahhh nkumkan’ ungonyama