Ntwephuma kwihlath’ elimnyama nezagweba zalo

Mehlo atshawuz’ umbane

Ngqisha ngonyawo kuqhekeke mhlaba

Mazamla ngamandla kukhal’ abantwana

Bhovula ngezinyo kwinyamazana

Ndivumele ndithi uyinkumkani yezilwanyana

Mabamb’ alolwe alubengu

Nkumkan’ ededelwa ngumhlaba

Ndithetha ngengca yon’ ivulindlela

Kutsho kudede nezilwanyana ndleleni

Imikhono langatyeke ngenxa yozidla

Intamk iphuphusi kwephuphu

Ahhh nkumkan’ ungonyama