Likamva eliqaqambileyo,

Kwizinxiba mxhaka.

Kanye yincindi yobusi,

Kwabazimiseyo.

Qula kwedini, 

Ungcamle kumazwi abulumko,

Kuba kaloku imfundo,

Sisicamagumshelo sobomi. 

Kaloku bathi umntu ongafundanga,

Utsala nzima kodwa,

Uzubuze iinkonde ngemfundo,

Yemveli.

Xa zingqongqa inqawa,

Zisibekela ukubaleka kwemfundo.

Yona kaloku ingacaluleki nakumbi. 

Ziphi eziya zithi imfundo yidlalo?

Kodwa ukhumbule nabo bathi, 

Education is the key to success. 

Yiza siqubule izixhobo,

Sijonge kubafundisi nabafundikazi,

Ngegalelo eqinisikiseni ukuba,

Sifunda siyityekeze le mfundo. 

Likamva iqaqambileyo,

Isixhobo sobomi.

Uzive uhloniphekile,

Makuthulele umqhwazi.

Kuba ngemfundo olwakho ugqatso,

Ulifezile.

Ukhumbule kaloku imfundo,

Ayikothwala isidanga.

Okanye makubize isinxiba mxhaka kodwa,

Imfundo kukuhlonipha abantu abadala. 

Kaloku nzathatha elithuba,

Zibulele kubafundisi nabafundikazi,

Ngohamba phambili basibonise ukuba,

With education, everything is possible. 

Mandigawule ndiwarhuqa ndithi,

Imfundo yinkululeko yesizwe esimnyama.