Nkunzemdaka endimthandayo.
Ndakwenza ntoni sthandwa? Iyaqengqeleka iiminyaka oko ndikulindile awusabuyi ekhaya.
Abantwana bayakhula, nalo mzi uyadilika, nommelwane uyigqibile imfuyo yeli khaya.
Iintombi zakho zijike zaba ngamaxhoba wala maxhego phofu akukho kwanto endingayenza, umzi wehlwempu awunasidima.
Ndilala obungehliyo, kudala ndikulindile sthandwa ayatshona amalanga. Eli themba ondibambise lona lindijikele ngoku, liguquke into ayaziwa lindicanda ubumna ngaphakathi. Ndiligobhogobho ndixela inja ekhonkotha ilele ngecala. Undibulele ngokwakho phofu wawuthe uyandithanda nam ndakholwa kodwa ke ayililo ityala lethu eli lityala le ntliziyo yam kuba nangoku ndisakuthanda.
Ndiyaweva amahem-hem athi wadilikelwa ngumgodi kodwa noxa sekunjalo usengowam, buya ungamathambo sthandwa ngowakho lo mzi yenza nokuba yintoni na. Ezi ziingceba zentliziyo yam ukuba usaphila Jola ziqokele ubuye nazo kodwa ukuba awusaphili, sikhusele njengedlozi. Yhini tata umzi ubenje ukhona?
Owakho owazikhethela yena ungagrogriswanga ngompu.
Nolindilize Mhlolokazi.