Ngosuku ndiqala ukukubona

ndandingazi ndithini. Ndavele ndashiywa

ligazi. kwavele kwashukuma wonk’umhlaba.

Ndandintantazela ndiphatha ndiyeka,

Kwatshisa ndabila ndamazi xoo.

Lapho intliziyo ikufunela eduze,

mandizam’ukuzichaza ngendlela

endiziva ngayo vele kubengathi

kunegaq’elixwes’emqaleni amazwi

angaphumi.

Owh! Inene ukuhamba kukubona

wena usisithandwa sam sokwenene.

Inoba ngubani onondehlukanisa

nalenzwakazi? Wena unguthandiwe

wam, nguwe umonelisi wentliziyo yam.

Ngabe ndifunani xandinawe, haybo ndibona

konke kuphelele xawusecaleni kwam

Bakhona banintsitsi futhi bahle kodwa

ngeke bafike kobubuhle unabo.

Masambe sishade sthndwa sam, nguwe

ubambo lwam njikelele.