Ngosuku ndiqala ukukubona
ndandingazi ndithini. Ndavele ndashiywa
ligazi. kwavele kwashukuma wonk’umhlaba.
Ndandintantazela ndiphatha ndiyeka,
Kwatshisa ndabila ndamazi xoo.
Lapho intliziyo ikufunela eduze,
mandizam’ukuzichaza ngendlela
endiziva ngayo vele kubengathi
kunegaq’elixwes’emqaleni amazwi
angaphumi.
Owh! Inene ukuhamba kukubona
wena usisithandwa sam sokwenene.
Inoba ngubani onondehlukanisa
nalenzwakazi? Wena unguthandiwe
wam, nguwe umonelisi wentliziyo yam.
Ngabe ndifunani xandinawe, haybo ndibona
konke kuphelele xawusecaleni kwam
Bakhona banintsitsi futhi bahle kodwa
ngeke bafike kobubuhle unabo.
Masambe sishade sthndwa sam, nguwe
ubambo lwam njikelele.