Ewe ndimbulele ngoba wayendixhaphaza.
Ewe ndimbulele ngoba nanimthethelela
Wayefika ephantsi kwemphembelelo zotywala
Ndadiyazi ngalo mini asizulala
Wayeqala uchuku ngento encinci
Waqala kancinci ndamxolela
Kuba esithi wayeqhutywa butywala
Waqhubekeka wandibetha
Engandazi noba ndiyintoni kuye
Ndandixolisa ndingenampazamo
Ndaxelela umama wathi mandibekezele
Ndaxelela utata wathi undilobolile
Ndaxelela umakazi wathi mandingamphoxi,ndibe ngumabuy’emendweni
Inyembezi ndazizosulwa ngempama
Wathi andikwazi ukuzala
Ndamosha ngothi linxila
Wandibethela ukundibulala
Mama ndiyayazi impazamo yeyam
Ngendandimyekile wandibulala
Mhlawumbi ubuzovuya
Khange nindikholelwe
Yandim umntu ombi
Ndixolele mamakhe
Ewe ndimbulele unyana wakho
Uba zange ndimbulale ngekufe mna
Mhlawumbi ngekungcono ukuba bekufe mna
Ndixoleleni
Ndimbulele.