Ewe ndimbulele ngoba wayendixhaphaza.

Ewe ndimbulele ngoba nanimthethelela

Wayefika ephantsi kwemphembelelo zotywala

Ndadiyazi ngalo mini asizulala

Wayeqala uchuku ngento encinci

Waqala kancinci ndamxolela

Kuba esithi wayeqhutywa butywala

Waqhubekeka wandibetha

Engandazi noba ndiyintoni kuye

Ndandixolisa ndingenampazamo

Ndaxelela umama wathi mandibekezele

Ndaxelela utata wathi undilobolile

Ndaxelela umakazi wathi mandingamphoxi,ndibe ngumabuy’emendweni

Inyembezi ndazizosulwa ngempama

Wathi andikwazi ukuzala

Ndamosha ngothi linxila

Wandibethela ukundibulala

Mama ndiyayazi impazamo yeyam

Ngendandimyekile wandibulala

Mhlawumbi ubuzovuya

Khange nindikholelwe

Yandim umntu ombi

Ndixolele mamakhe

Ewe ndimbulele unyana wakho

Uba zange ndimbulale ngekufe mna

Mhlawumbi ngekungcono ukuba bekufe mna

Ndixoleleni

Ndimbulele.