Sibabantu sadalwa sohluka, kunohlobo lwabantu abakuvuyelayo ukubona omnye umntu xa etsala nzima, kube sekuba nohlobo lwabantu oladalwa lwanenimba oloke uhlobo lolu oludle ngokuvelana nabanye abantu xa besentlungwini, lube neminqweno yokunceda. Abadala bathi isisila seHobe sivela mhlakugquthayo.

Kunomhlobo wam esakhula kunye naye sivana singumtya nethunga, ngokweminyaka yobudala wayengaphambili ngeminyaka emibini kum. Kwakungelula omnye umntu abone ukuthi asilingani ngeminyaka kuba sasisenza ibanga elinye esikolweni.

Ndamfumana ebangeni lesithathu, saqhuba sayokwehlulwa libanga lesithandathu nabani na wathatha eyakhe indlela. Loo nto ingathethi intoyokubana sohlukene ekuvaneni kwethu. I xesha elininzi sasilichitha kunye, zesohlulwe kukuhlwa nabani na abambe egodukayo.

Umsebenzi webanga lesixhenxe sasiwenza kunye kuba umsebenzi wethu wawufana sibhala amaphepha angaphandle.

Ndimthathile kwenye ye holide zokuphela konyaka, sathi ukushintsha umoyo kancanci, sayobethwa ngumoya wolwandla kwelika bhanana. Kwaba mnandi kwanjiya sisihla sinyuka sirhogela umoya owohlukileyo.

Kwakuthi xa ndityelele izizalwane zam ngeholide zokuphela konyaka emDubani, ndizifunele umsebezi wokuncedisa abazali kwimfuno zesikolo. Ndandincedisa ndizithengele nempahla zokunxiba ezinamagama.

Senzenjalo ke nomhlobo wam sakhangela umsebenzi sawufumana, sasebenza de kwafika ixesha lokuvulwa kwezikolo. Sazithengela yonke into esasiyinqwenela, ukusuka elunyaweni ukwenyuka. Wawungafunga siya embukisweni ndlela le sasibahlengayo.

Ayikho into endikhule ndiyixabise njengemfundo, sisenza ibanga lesixhenxe nomhlobo wam ungumntu owayekhala ngempilo enqwenela nokushiya phantsi, ndamcenga ukuba anyamezele. Ndiyasola ndinayo nam lentliziyo yenimba.

Silahlekene kancinci nomhlobo ngenxa yokwehlukana kwezikolo esasifunda kuzo. Ndiyile kowaba ndiyomkhangela ndafumana umhakhulu wakhe, wathi akekho umhlobo wam wabuyela kwelika bhanana ekhala ngokuhlushwa yimpilo.

Ufike waqhubeka la sasigcinekhona wasebenza, nam ndabe ndizibambile ngabha esikolweni. Sibane sitsalelana umnxeba sincokola ngezethu, indibambile incwadi naye imbambile impangelo.

Ndisigqibile isikolo sibabantu abavanayo, yaqala ingxuba kaxaka yokungahambikahle kwezinto. Kuyo yonke imeko ebendijongene nayo bendingalali ndingatyanga, nasemzimbeni bekungekho ikhombisayo ukungahanjelwa kahle zizinto.

Ndothuka ndoma xandizincokolela nomnye umzala wam endazisa intokubana umhlobo wam uthi ngaba uyandifaka emsebenzini ingxaki ndiyazixelela ndiphakeme. Ndizamile ukuzehlisa noma ndandingazikhumbuli ndiphakeme. Ndasondela kuye ndacela andizamise umsebenzi wandithembisa izulu nomhlaba kodwa ndangancedakala.

Ndiwile ndivuka nosizi lwam ndingenandaba ukuthi umnye umuntu uthini ngam. Ebomini ndafunda ukungoyami ngomntu kuba uzohamba ecela ngawe iti ethi nimbona ephayanje wancedwa ndim.

Ndibulela uThixo nethongo ngokundonyula,kodwa ke andizondi bantu kuko konke okwenzeka ebomini bam, ndithatha ngokuthi kwakudaliwe ukuthi eyam impilo izogqitha kuzona zonke indawo egqithe kuzo.