Ndisemtsha kwaye ndiphefumla ubomi. Andinokwazi ukuvuma ubomi bundenze isahluleki.

 

Unyaka ka2021 ebenzima inene maxa wambi Ibingase ndinga pakisha okwam ndiyozivalela apho kungekho bantu. Izifundo zam zeBanga le12 zindikhubile emphefumlweni kakhulu. Bekukho amaxesha apho bendisithi ndiyafunda kodwa ubuvila nenkohlakalo kaSathane indenze ndiphithane ingqondo kubemnyama emehlweni nasengqondweni.

 

Andikwazanga ufunda ngokwaneleyo nokufundisisa kwaye akekho umntu endingamtyolwa ngenxa yalonto ngaphandle kwam. Ngesabakralajiweyo ndingathi, i wasn’t serious enough and that led to my downfall but I won’t let it be the end of me. Ukuba kuzonyanzeleka ndiphinde unyaka, uThixo makabe nam kuba yinto endizakuyenza leyo.

 

Asoze ndivumele uloyiko edinalo lokuba abantu bazakuthini ngam ludlale ngobom bam. Impumelelo isentabeni kwaye kulapho ndizoyifumana khona. Emva koku ndikubonileyo bokufanele ndiphinde ibanga ndiqinisekile ndizosebenza kakhulu ukodlula oku. Phakama uzivuthulule mntakabawo, akekho uzokwenjenjalo. Ngumhlaba wenja etye’nye inja lo ukuba ufuna uphila hlakanipha.