Sakhula kusithiwa indoda ayikhali ,kodwa mna ndiyehluleka kukuzibamba. Ndiyaziva ziyatshisa kungoku emehlweni, futhi zizophuma kungekudala. Andikwazi ukuthula xa ndibona ulutsha luzinikele kwizi yobisi ngalendlela edida usathane.

Bazovelaphi abaphathi bangomso xa kunjena? Lomkhwa ombi uqala emakhaya xakusiliwe kuthiwe abaphuze kuba kusekhaya, bathunywe evenkileni iziyobisi, zistyenziswe futhi phambikwabo.

Sityalani xa kunjena na? Ulusha seluqala ukusela nokubhema lusese mabangani aphantsi emfundo, ndithetha ngabafana namantombazane. Ambalwa amathuba okuba basigqibe isikolo ngoba uyaqala angawenzi umsebe wesikolo bese engabahloniphi abafundisi ntsapho.

Kuncedaphi ukusela nokutshaya? Kungubani futhi owathi kulisikho noba isithethe ukuthi ulusha lusele nge 31 xakuzohlukaniswa unyaka? Kuphuza kati; kuphuza mpuku; ufumana imilenze iphambana beqhuba amathole. Ndivele ndingazi ndingathini ngaba abacawayo, obeva besithi baselela ukuzonwabisa.

Nqandani mawethu singasweli abaphathi bangomso. Kungathiwani nje sekunomongameli nabaphathiswa abaselayo, andiboni ikhona into engalunga.

Uziyobisi zibagqibile abantu bakwithi kwintlekelele zemigwaqo, abantu beqhuba beselile. Sekuyaziwa ezibhedlela ukuthi ngolezihlanu zintsuku zokwamkela abantu abagwaziwe,dutyuliwe, naba bandanyeke kwintlekelele zomgwaqo kubenempembeleko yotywala.

Utywala abubuyele ezagugeni namaxhego, abantu abasha mabazilondele ikusasa.