Ingaba uthando luyintoni na? Luzanele iinkxwaleko nezivubeko esithi sidlulise imiphefumlo yethu kuzo? Ingaba uthando lona lwenziwa yintoni ? Inhliziyo zethu zona sizinikeza abatheni? Zintoni esiziphawulayo phambi kokuba sithande abo sibathandayo? Siqala ngokuthanda phambi kokuba sifumane amaphawu wokuba kufanelekile ukuba sibathande¿

 

Ngenene andingetsho ukuba uthando yintoni na. Andinakutsho ukuba iinkxwaleko nezivubeko ziza nalo uthando okanye zinxanye nothando. Eyentliziyo yona andinako nokuyiphatha.

 

Ndakubuka ngamehlo undibekela intshwakathela yomphefumlo wakho. Wazityanda igila malunga neenkxwaleko kunye neentsunguzi malunga nezothando nobomi bakho. Kwakungelula kum ukubaza iindlebe koku kodwa ukuba ukukhalipha nokukhathala ndinako , ndazibaza iindlebe. Ndamamelela ukuqonda nokuvela kwaye ukuba le dyokhwe ayisindi ndinokuthwalisa yona ngamanye amazwi siphathisane.

 

Ndathi ndakujonga ndakubona uyindoda eyomeleleyo phakathi kwezontsizi neentsunguzi. Ukukhalipha ngokuba ukwazi ukuvula intliziyo yakho uthethe ngeemvakalelo zakho nokwenzekayo engqondweni yakho. Oku kwatsho lukhulu kum kwaye ndabanethemba lokuba izinto zizakulungela kungekudala. Ukohlukana kwethu emva kwalo ngxoxo zange kundikhathaze. Nto nje kwandinika uchulumanco lokuba kunzi okukhulu okuhle okuzayo.

 

Imincili ayiqabelisi iyinto nje yethutyana.