Kwakusezinzulwini zobusuku ndeva ngelwizi elithi vuka sihambe ndaphakamisa nje intloko babe ubuthongo bundondele ndaphinda ndalala ilizwi aliyeku ukuvakala “phakama sambee!!”.

Ndathi mandizama ukukhwaza ilizwi aliphumi emqaleni ndasuke ndona ngokujonga emnyango ndabona umntu wesifazane imile endikwaza kananjalo endikhweba esithi masiyambe. Ndasukuma nam ingqondo ngathi azikho ngoba ndathi ndomjonga ndangazi nebendiyazi.

Ukusukuma kwam ndaya kuye wandithatha esuthi masambe sogibela ubhanoyi. Sahamba nje umngama omncinci ukusuka ekhaya safika kule bhanoyi ebethethangayo bear mind ngoku athi mandiphakame akukho nento ethi ndiyaphi ndavele ndathi thwatshu okomntu owaziyo uba kuyiwaphi.

Sayigibelake lobhanoyi xandijonga abantu abalapha banqunu nakum ngokunjalo.

Yabhabhazela lobhano imizuzu nge emihlani yawa phambikwendlu yengca eyodwa sehliswa njalo mandilaqaza ndikhangela eminye imizi nguwowodwa lomzi weRonta bese ungqongwe ngemithi eminintsi phofu all along ndisengudengana andazi nowathwethwa ndivumela nje abakutshoyo.

Sengela kuleRondavel kugcwele abantu apha futhi akunxitywanga njengathi singanxibanga. Bandikhombisa indawo yokuhlala lapho kukhona nabanye ekucaba bayafika abanjengam ngoba sabekwa kwindawo enye sonke.

Kwasaphandle oko sihleli kuleRonta phofu kuse sijamile ngoba sathi xasifika kwathiwa masiyokha amazi inoba sazigcwalisa imbiza ezilishumi sibahlanu siphekiswa nemigqusho ngongxawo abakhulu(Ginyithole).

Emini inoba kwakungo 11 sesihleli sodwa bona abasekho kulendlu sikuyo kutixiwe emnyango ngamaqhaga amakhulu sisele sobahlanu kuphela.

Savele saqukwa bubuthongo sonke salala, sisalele

Njalo kwafika umakhulu endingamazi noba usukaphi futhi ubengekho nakuqala kwababantu bebekhona.

Wafika sethi “Mzukulu ubekwayintoni apha lendawo ayinifanelanga ndilivile ilizwi lakho xawubukhala izolo ebusuku ntonje khange ndikwazi ukukunceda ngoba lomntu ubezokuthatha umoya wakhe ungamandla kum ubendisinda izigqabo zakhe zindohlule kodwa ndibonile ukuba ndizokujonga ude uyosithela ndifikile kuwe ndihamba ngokomoya mna ndinguKhokho wakho, ndizonikhulula leyindawo yabathakathi futhi mamebuya mele bafike ningekho ngoba lusuku lokugqibela nisaphila ngokwenyama sebezonenza imivuswa(imikhovu) nakanjani kumele ndikulwelwe basakudinga ekhaya kudala bekufuna”.

Hayibo ndethuka kwangona ndibuyela ezingqondweni xandiqala ndiphakamisa intloko watshwakaka uMakhulu.

Xandibheka kulendlu yemani ndiphi apha ndizenjani kulendlu kugcwele izipoponi zamayeza kumdaka nje kwakona ayondlu engahlala abantu leh zizodwa izinto ezikhala ngathi ngamasele zaziduma indlebe ngoba kwakunomsindo owoyikekayo.

Ndavuka ndahlala ngempundu ndilambe kuphatshe umlomo oko sisela imbila engenaswekile. Ndaphakama ndagqala kulobhekile imdaka ndagogqela kulembila engenancasa ndeva kuthe futhu noko namadla sele eya ebakhona.

Ndaphinde ndaqukwa bubuthongo phofu abanye basalele noba ndalalanje imizuzu elitshumi waphinde wafika uMakhulu “Mzukulu ndizonilanda sele kuhlwile ndiyazi mazofika kungekudala ixesha labo ndiliqaphele masambe sigoduke”

Ndamphendula ngelithi ndicela siphume nabanye singabashiyi bebefike nam kwaye sibekwe endaweni enye siTreat’wa ngokufanayo nabo bamsulwa njengam”.

Akazange asokolise uMakhulu wasivulela sahamba sonke. Ndothuka xasele ndizowela umlanjana hayibo ndalapha futhi njani ndizigqibele ndilele ndiphi kona apha ndahlala phantsi khendazikisa ukucinga.

Zabuya ingcinga zokufikelwa sisalukazi (ukhokho) yeman ndaphakama kulendawo endikuyo ndakhangela imizi xandithi ikhona imizi engaphesheya phofu andiyazi nokuyazi ndaya ndabuzisa ngalendawo bathi ndiseNgqeleni yabe eyam idolophu kuyimthatha bandibuza ndibekwa yintoni apha ndabaxelela sonke istory bandinika ukutya nemali yokuya ekhaya.

Ndafika ekhaya sele kuzintsuku ezilishumi ndingekho ndilahleke ngobusuku kwabona sele bethi bebesithi bova ngomphanga. Ndabaxelela yonke indlela ebendiyihambile Mama wakhala waquleka enganqondi ubandim nyani nah.

#Imisebenzi yezinyanya.