Uyabona mna xa unondibuza ngempilo soze ndithi akulunganga okanye kwenzekani. Mna ndazalwa ndinethemba inoba ndogcotywa ngalo, kuba akululanga kodwa ndiloko ndihlala ndinento ethi kuzolunga.

Andazi ukuba nini, andazi ukuba xa kutheni kodwa ndivele ndithi kwaleyokuba ndivuke ndisaphefumla ndisakwazi ukuzenzela yonke into yiyo kuphela eyenza ndihlale ndisithi kuzolunga ingangabilula impilo namhlanje kodwa hlala unento ethi zange ndazalwa ndisisahluleki, futhi ngeke ndibe siso vuyela lonto onayo encinci okwazile ukuyenza oko kutsho lukhulu kuwe.

Kubonakalisa ukuthi ukhe walwa ngempilo yakho ingxaki esinazo yezokuba sifuna ukuziphikisa nabanye abantu. Ucinga kutheni singazange sadalwa ngexesha elinye okanye sizalwe ngalo. Kunje ngobomi siyashiyana ngokwemeko nangokulungelwa yisuse ingqondo yakho kwizinto zomnye umntu mvuyele kuphela xa kulunga kuye nawe uzixelele ukuba nakum ikhona into ezayo.

Mandizame ndiyeke ukuzibambezela ngoba nentliziyo ezimbi ngenxa yempumelelo zabanye abantu. Mntase lamntu yindawo yakhe yokuba abe kuyo leyana, yaye ungaba nayo yonke into kodwa sobe ufane naye sobe ubenezinto ezizode zifane nezakhe. Ucinga kutheni singathandi izinto ngokufanayo, impilo oyokhuphiswano bubomi obungawe nesiqu sakho ndoda.

Ziphe ixesha lakho ukwazi ukizibona ukuba uya kweliphi icala kuba xa ujonge izinto zabanye abantu uxakwe zizo zikhona ezakho ezizoma ude uzibuze ukuba kutheni ezam izinto zicotha kanti awunalo ixesha elaneleyo lokuzibona ukuba kahle kahle ndimephi.Mntase impilo yeyakho nesiqu sesakho yeka izinto ezikude kunawe ube yinja ezikhotha amanxeba. Khumbulakuba ithemba alilahlwa kude kufike elokuba uzishiye ezomhlaba.

E.Hlwayi