Igama lam ndingu Zandile Bhefile ndineminyaka eyi 13 ndihlala eMonti kwenye yelali zase Mooiplaas.

Ndihlala nomama wam uNolusapho Velaphi notata wam u Mzwamadoda Bhefile nabantwana basekhaya abathathu mna ndingowesine ndingamagqibela singamantombi sonke ke asinaye ubhuti. 

Kuqala usisi u Babalwa ngoka 1988 kulandele u Vuyiseka ka 1991 kuze uNoluvo ka 1994 kugqibele mna ka 1997 ithi lonto sibayi 6 ekhaya.

Siyazihluphekelake apha ekhaya kwa Rhadebe kuba utata akaphangeli umama yena umane ebamba lomatorho emakhitshini besipeya kemna no noNoluvo phof utata eberhola inkamnkam kuba wayelimele kudala so yeah ebekuthenga ukutya nangona bekungalenzi ixesha kuba sibaninzi and ayininzanga lemali eyethu ke yegranti ibincinci kakhulu mara umama ebesenza ngako konke anako uba silale sityile.

Usisi Babalwa wayeka esikolweni wohluleka ku 5 ungumntu ohleli apha elalini ebemane ehlambela abantu iimpahla ukuze afumane ezosent phof azikho kwazona azibonakali no Babalwa watshona u9 zange aphindele esikolweni wahlala phantsi so ndim no Noluvo abantu ebesafunda kodwa naye ebesonqena kakhulu ebenamaxesha wolova angayi besendimbona ba akazosigqiba naye bendizixelele kemna uba ndizozimisela ibendim ozotshintsha isimo sasekhaya.

Ifamily kamama ikwalapha elalini usenaye umama ongumakhulu kuthi ebenothando ke esithanda nathi bazukulwane bakhe qha ebengathathi ntweni naye eziphilela ngesisbonela sikarhulumene phof ke unabo onyana abafundileyo ababini uXolile no Phumlani ngumama yedwa ongafundanga kowabo,kungcono ba bakhile omalume uronta ngoweztena zomlotha kubekho neflat engu 2rooms yedaka into ebebengayenzi kuthengela umakhulu ukutya phof uhlala nabantwana babo abathathu babini ngabaka Xolile ngu Zintle no Aviwe ngamantombi aze abemnye oka Phumlani yikwekwe ngu Sanele igama ibingathi baxelelene uba bangabahoyi abantwana igrant zabo bezihlala konina babo ndingazi kutheni zingahlali kulendawo ihlala abantwana phof oyise bafundile andiyazi boyiswa yintoni ekuhoyeni abantwana babo. 

Umama wam ebengumntu olungileyo othuleyo abantu bebesithi uyonqeneka banyanisile ke kuba nam ndinamaxesha womonqena ngoku engumama wam kodwa ke ebenothando futhi ebencokola emntwini xa ethetha ebengaseli engatshayi ezithandela nje umzi wakhe nosapho lwakhe.

Utata keyena ebetshaya esela futhi besesiyazi uba qhoo ngeweekend sizomamela yena ethukisela ndikhule enjalo ke qho xa edibene notywala ebehlelinje uyathukisela ufike ejongisana nomama kulelali emngxolela nange sibeleko sakhe esibolileyo esohluleka kumzalela umfana wasuka wagcwalisa indlu ngamankazana ekungekho yawo andiyazi ke ba ebefuna athini umama kuba naye khange azikhethele uzala intombi zodwa yintando kathixo so besesiyazi uba ingangulwesihlanu iyasuka indaba phof phakathi evekini akubikhonto anayo uyancokola abengutata oright kodwa kuyala ngeweekend kuqhawuke unobathana.

Amaxesha amaninzi besilala kumakhulu no Noluvo sivuke kusasa sivase siyonxiba ekhaya sandule ukuya esikolweni besimbalisela ke umakhulu ngezizinto zenziwa ngutata sibone uba akathandi kwaye nathi asiyazi nehlelelwe ngumama kulamzi sithi sombuza athi asinoqonda andiyazi ke uba yintoni le kufuneka siyiqondile ngoba andinohlalela uthukwa eleke weekend mna kodwa ndinalo ikhaya.

Beside ngamanye amaxesha xasihleli kulandlu yobasela nosisi bam sithandezele uba afe utata okanye uba singafumana iyeza elibulalayo singamtyisa sizotsho sihlale sonwabile ekhaya.

Kuba kuyacaca uba olwethu ulonwabo luphakathi evekini ngeweekend asonwabi phof nakulo phakathi neveki bendingaboni nto eyonwabisayo mna bendingahleki ngoku sehlekisa ngoba ndithi ndomjonga kubuye ezizinto azithetha nge weekend so bekungase ndivele ndimtsibele emqaleni ndimkhame elele ndlela le ebendidina ngayo ufike ehleka eveza amazinyo athyeli ingathi khange enzento nge weekend.

Hamba nam mfundi ndinibalisele ngobomi bam