Batsho bon’ abantwana begazi,
Noxa lon’ ilizwe lingaselilo lethu.
Lo mhlab’ uza kusongwa ngokwengubo,
Ube ngangentende yesandla.
Inkabi yeleqe yogaxelek’ ezingcingweni.
Ayisakuba naw’ amandl’ okuxhentsa.
Iya kub’ idukekile yidyokhwe nayipuluwa,
Sigilane ngezifuba njengezabonkol’ emcepheni.
Iintombi zethu zolotyolwa ngamaqhosha,
Zintwe’ eziman’ ukuqhawuka zihlangana.
Kuthiwa namhl’ igazi malingaphalali,
Ukuhlanganis’ amathile namathile,
Ukuze singakhothani njengemaz’ ikhoth’ ithole,
Iqhutywa luthando nabubushushu begazi.
Linako n’ iqhosh’ ukukhoth’ elinye?
Ew’ indod’ igilane nomolokazana,
Unyan’ angamhlonel’ uninazala,
Sisong’ amadolo, singabi nak’ ukunaba,
Kub’ umhlab’ ufinyeziwe.