EPakini kawonke wonke

KEVIN: Yima ndiqiniseke kakuhle ngale nto, unyana wam ebekhalela kwenye ititshalakazi kuba umntwana othile exuthe ukutya kwakhe?

SAMANTHA: (enexhala) Sthandwa, uyayazi nawe ukuba uAndy akanguye uphuma-silwe? 

KEVIN: (ebukele unyana wakhe edlala qelele) Uthambe kakhulu, kuphela nje kwento ayiyo. Ukuba wawumyekele kum ndimqinise kwakuqala, izinto ezinjalo ngezingenzeki ngoku. 

SAMANTHA: O, lilonke kungenxa yam?

KEVIN: (edubuleka) Ewe nangoku! Oko waqala obu bubhanxa bakho bokumthengela iihempe ezipinki, wamvumela ukuba adlale namantombazana esemncinci, ngoko wawutyala le mbewu. Ngoku lo mbewu leyo iingcambu zendele, enkosi kakhulu.

SAMANTHA: (ephakamisa ilizwi) Wayewuthanda nje la mbala, kwakufuneka ndenze njani? 

KEVIN: Kwakumele ukuba uyinqande loo nto zibekwa nje! (amthi gxezu) Andy! Yiz’apha ngoku! (atsho emkhweba).

(Aze uAndy ebaleka.)

SAMANTHA: (ebonakala enexhala) Sthandwa, hayi man! 

KEVIN: Vala lo mlomo wena! (watsho ngolunya.) Sewenze umonakalo omkhulu gqitha kule ntwana.

ANDY: Ewe, tata? 

KEVIN: Bububhanxa bantoni obu ndibuvayo bokuba wena ubuye kulilela kwenye ititshalakazi kuba ukutya kwakho kuxuthwe yenye inkwenkwe?

(UAndy ajonge kunina enexhala)

KEVIN: Sukujonga kumama wakho! Ndiphendule, kwedini! 

ANDY: (ethe gwantyi iinyembezi wajonga kumama wakhe). Mama, kodwa ubundithembisile ukuba…

KEVIN: (waxhuma uKevin wabe sele ekhulula ibhanti yebhulukhwe) Ndiza kunika into ebhadlileyo oza kuyililela ke ngoku!

(Wathi ngqe ukubaleka uAndy.)

SAMANTHA: Kevin, hayi!

KEVIN: (eleqa uAndy, engxola) Andinanyana wam uza kuba sisingculelo sokunkulwa! Lixesha lokuba ube yindoda, mfo wam! 

(U-Andy wazama ukubaleka suka wakhubeka wawa.)

SAMANTHA: (elila) Kodwa useyinkwenkwana nje!

KEVIN: (Esithi nqaku ingalo kaAndy elungiselela ukumtywatyusha) Yiza apha, gwalandini elincinci… (waba ngathi uyagragrama)

(Indoda enkulu yabaleka yeza ngaku Kevini isuka kwesinye isitulo kwalapho ePakini.)    

KOBUS: (wayithi nqaku loo ngalo kaKevin) Kwanele! Pheza! 

KEVIN: (ejamela uKobus kakubi) Usisiphuku-phuku saphi? Susa ezi zandla zakho zinukayo ndingeka ku… 

KOBUS: (Emqinisa nkqi) Ungekathini?

(Esamangaliswe kukuthi qhaphu kukaKobus, uKevin waluyeka olo sizana lunguAndy, nalo lubaleka lusiya kuziphosa kunina. Wafika naye wamgona, emsondeza kuye.)

KEVIN: Uxolo andi… (wajonga ezinyaweni zakhe) Andazi nam ukuba bendingenwe yintoni. 

KOBUS: Jonga, ndicela uze undifowunele khe sizame ukujonga ukuba singakunceda njani na. (Watsho esithi rhutyu ikhadi emnika)

KEVIN: (Engekaqondi ncam) Ngokuqinisekileyo — kulungile (UKevin walithi tshwa epokothweni elo khadi engakhange alijonge wabuyela kumfazi nonyana wakhe) 

Khawusixelele: Kutheni ucinga ukuba uKevin unomsindo kakhulu ngakuAndy? Ucinga ukuba kumele ungenelele xa ubona isenzo sobundlobongela?