EPakini kawonke wonke
KEVIN: Yima ndiqiniseke kakuhle ngale nto, unyana wam ebekhalela kwenye ititshalakazi kuba umntwana othile exuthe ukutya kwakhe?
SAMANTHA: (enexhala) Sthandwa, uyayazi nawe ukuba uAndy akanguye uphuma-silwe?
KEVIN: (ebukele unyana wakhe edlala qelele) Uthambe kakhulu, kuphela nje kwento ayiyo. Ukuba wawumyekele kum ndimqinise kwakuqala, izinto ezinjalo ngezingenzeki ngoku.
SAMANTHA: O, lilonke kungenxa yam?
KEVIN: (edubuleka) Ewe nangoku! Oko waqala obu bubhanxa bakho bokumthengela iihempe ezipinki, wamvumela ukuba adlale namantombazana esemncinci, ngoko wawutyala le mbewu. Ngoku lo mbewu leyo iingcambu zendele, enkosi kakhulu.
SAMANTHA: (ephakamisa ilizwi) Wayewuthanda nje la mbala, kwakufuneka ndenze njani?
KEVIN: Kwakumele ukuba uyinqande loo nto zibekwa nje! (amthi gxezu) Andy! Yiz’apha ngoku! (atsho emkhweba).
(Aze uAndy ebaleka.)
SAMANTHA: (ebonakala enexhala) Sthandwa, hayi man!
KEVIN: Vala lo mlomo wena! (watsho ngolunya.) Sewenze umonakalo omkhulu gqitha kule ntwana.
ANDY: Ewe, tata?
KEVIN: Bububhanxa bantoni obu ndibuvayo bokuba wena ubuye kulilela kwenye ititshalakazi kuba ukutya kwakho kuxuthwe yenye inkwenkwe?
(UAndy ajonge kunina enexhala)
KEVIN: Sukujonga kumama wakho! Ndiphendule, kwedini!
ANDY: (ethe gwantyi iinyembezi wajonga kumama wakhe). Mama, kodwa ubundithembisile ukuba…
KEVIN: (waxhuma uKevin wabe sele ekhulula ibhanti yebhulukhwe) Ndiza kunika into ebhadlileyo oza kuyililela ke ngoku!
(Wathi ngqe ukubaleka uAndy.)
SAMANTHA: Kevin, hayi!
KEVIN: (eleqa uAndy, engxola) Andinanyana wam uza kuba sisingculelo sokunkulwa! Lixesha lokuba ube yindoda, mfo wam!
(U-Andy wazama ukubaleka suka wakhubeka wawa.)
SAMANTHA: (elila) Kodwa useyinkwenkwana nje!
KEVIN: (Esithi nqaku ingalo kaAndy elungiselela ukumtywatyusha) Yiza apha, gwalandini elincinci… (waba ngathi uyagragrama)
(Indoda enkulu yabaleka yeza ngaku Kevini isuka kwesinye isitulo kwalapho ePakini.)
KOBUS: (wayithi nqaku loo ngalo kaKevin) Kwanele! Pheza!
KEVIN: (ejamela uKobus kakubi) Usisiphuku-phuku saphi? Susa ezi zandla zakho zinukayo ndingeka ku…
KOBUS: (Emqinisa nkqi) Ungekathini?
(Esamangaliswe kukuthi qhaphu kukaKobus, uKevin waluyeka olo sizana lunguAndy, nalo lubaleka lusiya kuziphosa kunina. Wafika naye wamgona, emsondeza kuye.)
KEVIN: Uxolo andi… (wajonga ezinyaweni zakhe) Andazi nam ukuba bendingenwe yintoni.
KOBUS: Jonga, ndicela uze undifowunele khe sizame ukujonga ukuba singakunceda njani na. (Watsho esithi rhutyu ikhadi emnika)
KEVIN: (Engekaqondi ncam) Ngokuqinisekileyo — kulungile (UKevin walithi tshwa epokothweni elo khadi engakhange alijonge wabuyela kumfazi nonyana wakhe)
Khawusixelele: Kutheni ucinga ukuba uKevin unomsindo kakhulu ngakuAndy? Ucinga ukuba kumele ungenelele xa ubona isenzo sobundlobongela?