Ngentsasa yangoMgqibelo kwivenkile ethengisa ikofu.

COACH MASUKU: Kuhle, kuhle manene! Masizoleni! Madod’ akuthi!…  (watsho ewanga-wangisa izandla kwabo babeme ngakwimbiza yamanzi ashushu ukuba bahlale phantsi)

(Afumana izihlalo la madoda, amanye ephethe into ephungwayo esandleni)

COACH MASUKU: Molweni nonke ngale ntsasa kwaye namkelekile! Ulwamkelo olukhethekileyo kubo bonke abaqalayo ukuza apha. Sithi huntshu kuni ngokukhetha ukuba yinxalenye yesisombululo  ningakhethi kuba yingxaki.

(Yahlokoma indlu beqhwatyelwa izandla)

COACH MASUKU: Ngoku ke, kuba sineendwendwe ezikhoyo apha, ndiza kuvulela ithuba ukuze  amalungu ethu amadala  akhe abelane nathi ngento nokuba yintonina, ngohambo lwawo. Yithatheni madoda ndiyinikezele kuni ke ngoku!

(Wanqwala uHendrik evumelana noKhowutshi Masuku esel’ esiya ngaphambili.)

HENDRIK: Molweni nonke, bantakwethu. Igama lam ndinguHendrik. Kwathi ngenxa yomsindo endandinawo… (athi nqumama), ndazama ukuphakamisa isandla.

COACH MASUKU: Kulungile, qhuba wena, Hendrik.

HENDRIK: Indlela andijonga ngayo…uloyiko olwalubonakala emehlweni akhe… (wasuka wangcangcazela umzimba wonke, ecinga lento) Yaba sisikhalo esikrakra esandinqandayo ukuba…

COACH MASUKU: Qhuba, qhuba wena. (emkhuthaza)

HENDRIK: (wajonga phezulu ngakukhowutshi) Kwaba ngathi ndiyaphinda ndiphila indlela utata awayedla ngokwenza ngayo kumama yonke loo minyaka. Wayedla ngokugxwala kabuhlungu… (Wathokombisa intloko, ephatha kuzixhwitha iinwele, suka walila)

(UKhowutshi uMasuku waya kuHendrik, wamgona, wamsondeza kuye ebumwolarha. Watshela ethe nca kuye uHendrik wagixa. UMasuku wakhomba ngentloko kuThabo ukuba eze ngaphambili.)

THABO: (wema phambi kwelo qela liqhwabayo, ejonge phantsi kalusizana.) Ndamdlwengula. Ndamdlwengula kuba…(ejonga phezulu ngokungathi ukhangela awona mazwi alungileyo) Ndamdlwengula kuba ndandicinga ukuba ndingamnyanga njalo.

(Kwathi zole cwaka kwelo gumbi.)

THABO: Ndaphuma ndigxadazela kwenye ishibhini ekwalapha, ndathi gqi ngabo…bephuzana phaya ethinzini. UThandeka kunye nomnye umfazi…. (afinge iintshiyi ngenxa yokonyanya) Ngobuya busuku ndazixelela ukuba ndiza kumkhumbuza ukuba kunjani ukuba nendoda yamanyhani. Ndamtsala ngesixhanti, ndamphosa phantsi ndaza nda…(Ewisa amagxa)

COACH MASUKU: (ejonge kuThabo) kwathini ke…? (ephakama ebeka isitulo esingenamntu kude kufuphi noThabo)

THABO: Ingaba yile nto uyifunayo le? (Waqalisa ukungxola ejonge esitulweni ngokungathi uthetha noThandeka buqu) Yima ke ndikukhumbuze ukuba kunjani ukuba nendoda! (Athi cwaka ithutyana elide)

(UKhowutshi uMasuku ajonge ngqo kuThabo enqwala emkhuthaza.)

THABO: (eyekelela ukuqinisa imihlathi, ewisa namagxa akhe, ngokungathi uyanikezela kwinto ethile.) Asiyiyo iminyaka elishumi elinesihlanu ndivalelwe entolongweni endivisa ubuhlungu, koko kukucinga ukuba ngala mzuzu wempambano kum, ndandinomsindo ongaphaya ndade ndalibala ukuthabatha uxanduva ngokuphela komtshato wethu. (zathi waxa iinyembezi emehlweni akhe)

HAROLD: Bonke ubomi bam ndaxelelwa ngutat’omkhulu, nangutata, oomalume…ukuba indoda kufuneka iphandele usapho lwayo. Yiloo nto kanye esiyiyo, yilo nto kanye ekudala saba yiyo. Abantu abaphandela iintsapho.

(Amadoda ambalwa anqwala endumzela emngqinela)

HAROLD: Ukubukela umfazi wam phantse iminyaka egama-25 evuka ekuseni yonke imihla, aphangele ukuze kubekho into yokutya etafileni, sibe nayo nendawo yokufihla intloko…siphile! UThixo makamsikelele! Wazama ukundigcina ndonwabile emoyeni, wandixelela ukuba konke kuza kulunga…kodwa ndandingakwazi nokuqhubekeka ndizijonga esipilini . Ndandizibona njengomntu osileleyo.

COACH MASUKU: Awuu, kodwa sisonke siye  safumana into ebaluleke kakhulu, andithi?

HAROLD: Ewe kunjalo Khowutshi, kuye kwabanjalo. Umbutho i- Brother’s Keeper undinike ithemba, waza wandifundisa ukuba ndiqonde ukuba yonke le nto ixhomekeke kwindlela ozibona ngayo izinto. UKhowutshi uMasuku wandichazela ukuba ndingamenzela izinto uLynette, kodwa ngendlela eyahlukileyo. (UHarold wancuma ejonge kuKhowutshi.) Ngoku ndivuka ekuseni yonke imihla ndinento endixelelayo ukuba ikhona into endinokuyenza. Ndiyahamba ndiye kuvolontiya esikolweni phaya kufutshane kwaye ndiyabanceda abantu ekuhlaleni kwimisebenzi yezandla. Xa uLynette ebuya emsebenzini, indlu sele ndiyicoce ibetha umoya, kwaye nesidlo sangokuhlwa sivuthiwe. (athi cwaka)

COACH MASUKU: Yintoni ke oyifundileyo, Harold?  Baxelele ukuba ufunde ntoni? (enemincili)

HAROLD: Ukuphelelwa ngumsebenzi akukwenzi ukuba ungabi yondoda ngokupheleleyo (Watsho elaqaza enoncumo) Zininzi iindlela ongaluxhasa ngazo usapho lwakho. Namhlanje, zingaphezulu kwendlela enye iindlela onokuxhasa ngazo usapho lwakho. Xa kunamhlanje ndiqinisekile ngomtshato wam, kwaye ndiziqonda kakuhle ukuba andifani notata, kwaye olwam uhambo alusoze lufane nolwakhe.

THABO: (embombozela kancinci) Ya neh…

HAROLD: Ndiva kamnandi ukunixelela ukuba ndiqulunkqe umgaqo wokuceba ishishini kwaye ndinentlanganiso kule veki izayo apho ndiza kuwuthi thaca lo mbono kumntu othembisa ngokundixhasa ngemali.

(Aqhwaba izandla amadoda onke evuya.)

COACH MASUKU: (esiya ngaphambili naye eqhwabela impumelelo kaHarold kwakunye neezo ndaba zimnandi.) Sikunqwenelela okuhle kodwa, Harold! Usuka kude kakhulu, kwaye nezinto emtshatweni wakho zingcono kakhulu!

(Baphinda baqhwaba kwakhona.)

Khawusixelele: Ucinga ukuba ukuthetha ngengxaki yakho phambi kweqela labantu kungakunceda wena, okanye abantu bengingqi yakho? Ngokuba kutheni, okanye akunakunceda ngoba?