Ndivuka kusisanxwe esitsho kabuhlungu ezindlebeni, namehlo am ephandlwa kukukhanya. Bendilele. Sinqumla kwindawo edwele iivenkile, ephithizela abantu. Ndize njani apha?

“Ndifuna ukugoduka,” kutsho uLisa.

“Awuyi ndawo ungekaboni izinto-yinto zase-mall,” umphendula atsho u-Ambesiwe. Siyaqala ukuza apha. Iyindawo yezityebi nje le. Akumelanga ukuba silapha.

“Siza kuqala sifumane into ephungwayo,” utsho esongeza u-Ambesiwe. “Khumbula bendihleli ubusuku bonke nani ethoyilethi.”

“Asinamali nje thina,” kutsho uLisa, uBianca uthe ntsho amehlo kwilokhwe yomtshato ingaphaya kwefestile kwenye ivenkile. Yilokhwe enamaqukunya akhobayo athungelwe kuyo.

Uyijonge ngathi uza kuthi uyatshata ngomso. Ukuba ufuna umtshato kufuneka anyaniseke kuBra Theko, alibale ngabanye oosugar daddy. Uzike kwingcinga zakhe.

U-Ambesiwe uphendla ipesi yakhe, ethubeni wonyula icredit card. Lithabathekile iliso lam ngokungathi ndingusozimbiwa ekhotywa lilitye elinqabileyo.

“Ndiyinikwe ngumama akafuni ndilambe,” utsho eyiguqu-guqula. “Andiyibanga.”

Ndiyabona sisihnahna sokwenene. Ezi zinto uBianca ebedla ngokusixelela ngazo ngeStonebrook nokuba wayehlala kwibhotwekazi lendlu, wayenyanisile. Bendiba usibalisela amaphuph’ akhe.

“Ujonge ukuyibuyisela nini?” kubuza uBianca.

“Yakuwufeza umsebenzi wayo,” utsho sele esikhokelela kumzi wesiphungo.

Isihhnahna saseStonebrook sisithengela ii-cappuccino sonke.

Emva kwesiphungo u-Ambesiwe usizulisa imall ekhangela into angade ayifumane. Ekugqibeleni uyifumene le nto ebeyikhangela kwivenkile ethengisa ubucwebe. Uthenga izacholo ezintathu.

“Nazi izacholo zobuhlobo,” utsho. “Luphawu lobuhlobo benene nokuba siya kuhlala sikhuselana sigadene kude kube sekupheleni.”

Bayangana bakuzifaka ezihlahleni zabo bangqinelane kwelokuba baza kuba ngabanyanisekileyo bebobathathu. ULisa ufuna nam ndibe nesam isacholo. Uthi bendihleli ndingumhlobo wakhe wenene iminyaka. UBianca uyamngqinela, ude akhulule into abophe ngayo iinwele enze ngayo isancolo andifake yona esihlahleni. Ngoku singabahlobo abagqibeleleyo.

Ekugqibeleni kufuneka sigodukile. Akukho ndawo yimbi singaya kuyo ngaphandle kokuba siphindele kwaS’neyifu. UBianca uvumele u-Ambesiwe ukuba angahlala kowabo. UMamityi akazukuqaphela ukuba kukho umntu omtsha ohlala kwakhe. Ngaphezu koko le credit card ka-Ambesiwe izakwenza umahluko kulo Bianca ixeshana ukuba utata ka-Ambesiwe akayivalanga.

Kufika umoya obhudla ngamandla obangela ukuba iinwele zika-Bianca zithi saa. Usidudula emva, ubanga sikhangeleke ngokungathi siyaleqwa. Sifika kwaS’neyifu uZimasa emi ngaphandle kwesangoweni lokungena, ingathi ebesilindile. Ingekanti uthume lo moya ukuba usiphuthume.

“Bendixhalabile ngawe Lisa,” kutsho uZimasa. “Bendizile apha ndafika kusithiwa awaziwa apho ukhoyo.”

Simmemela phakathi kodwa uthintalaza sele efikile emnyango.

“Wonwabile phofu apha?” kubuza yena.

Phambi kokuba aziphendulele uLisa ugqadaza athi uZimasa, “Ndinecebo. Kunganjani uhlale kwam. Indlu yam inkulu kakhulu.”

Ucinga nzulu uLisa.

Usaqhuba uZimasa engcambaza ngenzondelelo esithembisa ukuba siza kutya ukutya okuya egazini kwakhe kwaye uza kusinika igumbi elilelethu.

Ixhala lam kukugxothwa ngumfazi kaS’neyifu ukubuya kwakhe. Ukuba sihamba noZimasa sakube siyisombulule le ngxaki. Andiyazi eyona nto akhuthazwa yiyo uZimasa. Akaovani notatae kaLisa kodwa andiqondi loo nto ingamenza afune ukuvisa uLisa ubuhlungu. Ewe, kungenzeka kuthi kanti uvelana noLisa, ufuna ukumnceda.

Akade afikelele esigqibeni uLisa kodwa ndiyazi ukuba uyakulangazelela ukumka kwaS’neyifu. Akakayinginyi ncam le yokuba utata wakhe nguS’neyifu. Ndifuna abe kude kuS’neyifu. Nalu noncedo lwethu luthembisa ukusinika isiqalo esitsha ebomini yaye ndide ndamthemba uZimasa. Uthembisa uLisa ukuba uza kumbuyisela esikolweni afumane iMatric. Ziyaloba ezi zithembiso, ngakumbi kwintombi engenanto efana noLisa.

“Owu, Lisa uza konwaba kwam,” akancami uZimasa. “Pakisha iimpahla zakho ndiza kubuya ndizokulanda.”

Ubuya sele ephakuzela uZimasa ebuza ukuba, “Ukhona uS’neyifu?”

Ngephanyazo sibona ngoS’neyifu engaphakathi.

“Ndilinde phandle emotweni Lisa ndithethe noS’neyifu. Kukho izinto ezimbalwa ekufanele sizilungise” ukhawuleza atsho uZimasa. Uphuma exhakazela ngumthwalo wakhe endishiya ngasemva esofeni.

“Ndizokuthatha uLisa,” kutsho uZimasa.

Akabonakali ekhathazekile uS’neyifu yaye akakhathali.

Nanko efaka isandla epesini uZimasa esibuya nefoto ayijongise kuS’neyifu.

“Nab’ ubungqina endiza kububonisa umfazi wakho ukuba awundiniki le nto ndiyifunayo.”

Le foto ikuZimasa ibonisa uS’neyifu nomama kaLisa besenza ezabathandanayo ngobusuku obuthile, bekhangeleka benxilile.

Uxhuma bunkawu uS’neyifu alinge ukuyohlutha kuZimasa. Uyibuyisela epesini yakhe uZimasa engayichikanga nangeentupha uS’neyifu.

“Ndanifota ningandiboni emva koba busuku nandibela itayitile,” kutsho uZimasa. “Bendilijonge ngamehlo abomvu ithuba elifanelekileyo lokuziphindezela.”

“Andinanto yokwenza nokuphumelela kukaZameka,” uzithethelela ngalawo uS’neyifu efudumele. “Zonke iijaji zakhetha yena.”

“Ndalahlekelwa bubomi obungcono ngoba busuku. Nawe uza kuphulukana nento yonke oyixabisileyo,” usaqhuba uZimasa. “Uza kuphelela esitalatweni ungqiba ucela itshintshi. Ngathi ndiyayibona loo mini ndikunika oko kwe-R2,50 ukuze ndikubukele uyothenga iglue, iya kuba sesona siyobisi sifikelelekayo kuwe eso.”

Uyabanda uS’neyifu, uthetha into engavakaliyo. Ekugqibeleni awakhupha ngokuvakalayo athi, “Ufuna ntoni?”

“Ndifuna imali yafele-fele le uyikhongozwa ngumfazi wakho. Uza kube uthenga umlomo wam endiza kuwuvala mu ngoLisa nokunganyaniseki kwakho emtshatweni wakho.”

“Andiphangeli. Ngumfazi wam onemali.”

“Ayifuni mna leyo.” Utsho uZimasa esonda ngocango. “Ndithatha intombi yakho ndiyisa kwam, andithuli mthwalo. Uza kundihlawula ngeempela-nyanga. Ngamanye amaxesha ndiza kufuna imali kagquphu kuba kaloku ndingafuna ukuya kwiholide endingayicebanga. Waphazama awandibhatala, umlomo wam uya kumpora yonke imfihlo yakho emfazini wakho.”

Kungena uLisa engxamile engilana noZimasa obevula ucango. Uze kundilanda.

“Yimfihlo yethu le,” utsho uZimasa encumele uS’neyifu. Uthatha isandla sikaLisa, engekaphumi emnyango athi, “Ukuqala namhlanje ndibize anti.”

***

Sixelele ucinga ntoni: Ingaba kulungile uLisa ahambe noZimasa?