“Ingxuba-kaxaka! Uyibonile le nto?” UNkskz.Tshuma uvule ilap-top yakhe ngeli xesha iNtloko neSekela-ntloko bengqumbene ngakuye.

Apha kwisakhelo sayo kuvulwe ikhasi likaFacebook. “Owu Nkosi hayi,” wabulala uMnu. Dube akubona eli gama: Antonia Kingwill uyaphuma #eWestrayHighngenxa kaTixo#.

“Wenze kakuhle u-Andile Ngema ngokundilumkisa ngale nto. Kwaye u-Antonia akezanga esikolweni iintsuku ezimbini. Yilo nto,” watsho uNkskz. Tshuma.

INtloko, uNkskz. Mnisi, bafunda isampuli yezithuba.

Ngoku ngabantu abangakholelwayo kuTixo, okulandelayo iza kuba ngabahlobo babo abangamadoda athandana namanye ze kulandele abalandeli benkolo yobuSathana; mabaphume abenza amasikizi!

Suka mntu ndini ongakholwayo kuTixo! Asinabo abantu abangakholwayo kuTixo kwinkcubeko yethu. Asinalo negama lalo nto!

Abangakholwayo kuTixo = izaphuli-mthetho. Oko kukuvulela iingcango uSathana. Mabaphume!

“Iyoyikeka kakhulu lo nto! Aba bantwana bacinga ukuba iza kuba yintoni isiphumo sale nto? Ndaziseni – iqale phi le nto?”

Ootitshala ababini basichaza isiganeko ze uMnu Dube wabazisa ngemizobo yobusathana ebhalwe eklasini. Wanikina intloko.

“Damn…kungenzeka ukuba ndibe negalelo kuyo yonke le mbudede. Uyakhumbula Nkskz. Tshuma? Bandibuza ndingalindelanga. Phambi kweklasi, ndabonakalisa ukungakholwa, ngokungathi ukungakholwa kuTixo yinto embi ukuyamkela. Kodwa masithetheni inyaniso, kwesi sikolo uninzi lwethu luhatha ubuKrestu nje ngokungakhathali. Kodwa kumele ukuba siyivumele inkululeko ngokwenkolo. Oko kuquka ukungakholwa kwaphela.”

“Utata ka-Antonia ligqwetha. Akanakuyithanda kwaphela le nto xa enokuyiva, ” watsho uNkskz. Tshuma.

“Ndiyayazi lo nto. Engenakuyithanda nale,” yatsho iNqununu, iphephezelisa ileta. “Bazibiza ngokuba ‘Ngabazali abanenkathalo beSikolo samaBanga aPhakamileyo iWestray’ kwaye banyanzelisa ukuba kuthatyathwe amanyathelo okanye kuthuthuzelwe lowo ungakholelwayo kuTixo ungu-Antonia Kingwill njengoko ubukho bakhe buphazamisa abantwana bethu kwaye kuvula indlela yokungena komtyholi apha esikolweni’.”

UNkskz.Tshuma noSekela-nqununu bamjonga, iinkophe ziphezulu kukothuka.

Inqununu yangena emxholweni yawenza amafutshane: “Makususwe olo shicilelo kuthuthuzelwe abo bantwana. Kufanele ndityelele usapho lakwaKingwills ngale njikalanga, ndibuze u-Antonia ngamaphepha ashicilelweyo. Ndiyamvela hle; kunokuba sele elubonile olu shicilelo. Ndiyathemba ukwimeko elungileyo. Kukuobongela kakubi abanye kumajelo onxibelelwano, kodwa ndiyarhana abo baqobongela abanye ‘abayazi into abayenzayo’.”

*****

“Akuqhelekanga oko,” watsho uNkskz. Kingwill, ebeka phantsi umnxeba. “Ingaba kutheni iNqununu ifuna ukusibona ngokungxamisekileyo?” Ngokukhawuleza akubona imilebe ka-Antonia engcangcazelayo, waqonda ukuba imbi lo nto.

Ngexesha u-Antonia ebalisa eli bali ebukele umama wakhe etshintsha imbonakalo yakhe ukusuka ekubeni yenomdla, iye ekubeni yenokothuka, iye ekubeni yenomsindo, waziva engcono. “Oh awucingi ukuba ndiyageza ngokungayi esikolweni?”

“Sthandwa sam, bayakuhlasela ngenxa yenkolo yakho. Ayilunganga lo nto. Phofu, ayikho mthethweni. Owu intombi yam – into obujongene nayo. Linda de utata wakho ave ngale nto!”

Emva kweyure, umama nentombi yakhe baqinisekiswa ngokuseleko bavalelisa kuNkskz. Mnini. Babevuya kuba isikolo sasijongana nale ngxaki ngokukhawuleza. UNkskz. Mnisi wayeqinisekile ukuba ukothuka nokoyika kuka-Antonia akubona amaphepha ashicilelweyo kwakuyinyaniso. Kwaye no-Antonia wakhe wamxelela ukuba ubone uRefiloe ephuma kwiklasi yabo yokubhalisa kanye emva kokuba umagdalen noTheresa babone amaphepha ashicilelwe izinto zenkolo yobuSathana. Wade wachaza inyaniso yokuba uRefiloe naye babekhuphisana ngo-Andile Ngema.

“Ngoko ke Antonia, ndithembise ukuba uza kuza esikolweni ngomso? Nguwe onelungelo kule meko. Ndiza kubeka uNkskz. Tshuma ukuba asebenze esangweni, nje xa kunokwenzeka kubekho inkathazo,” uNkskz. Mnisi wamqinisekisa.

“Ewe, ndiyakuthembisa,” watsho u-Antonia, kwaye wagqiba ukuba athathe amanyathelo ngokwakhe.

Tanz; ndiyakufuna. Ndicela sidibane ngaphendle kwesikolo

Kuhle kwakusasa ngo-7.15 undincede ndijongane ‘neqela lomtyholi’

Kakade; ndiyakuthanda, ube nesibindi

Emva koko, esinekile, wavula ipentagram wayincamathisela kumyalezo awuthumela kuRefiloe.

Ufumanekile! Xoki ndini eliphambeneyo.

Kuya kuba ngcono ungaphinde usondele kum ebomini.

Kwaye no-Andile akasoze afune umntu ongcole njengawe!

*****

“Ndiyaxolisa ngokwenza le nto kuwe,” watsho kuTanya, ngexesha babesiva bejongwe ngamehlo abukhali nagwebayo.

“Nkosi – andazi ngoku ukuba uthetha ukuthini,” watsho uTanya xa besiya kwiklasi ababhalisa kuyo amagama. “Ingathi sineqhenqa. Kwaye, khawuthekelele kwenzeke ntoni? Umama utsalelwe umnxeba ngomnye umama ovileyo ngale nto. Uthi kum, ‘Tanya, mhlawumbe kuza kufuneka ukhethe abahlobo bakho ngobulumko ngakumbi’.”

“Intoni? Abazali bathetha ngale nto ngoku! Owu Tans, ubutheni wena?”

“Ndibaxelele inyaniso. Kungenxa yokuba kanye ngayo yonke le nto ndiyayithandabuza kwamna kwanye okoko bendihleli ubusuku bonke ndikhangela ku-Google iinkcukacha ngokungakholwa kuTixo,” wahleka uTanya. “Akwaba ubububonile ubuso bakhe!”

U-Antonia wamjonga ejalile. “Unenkani yhaaz.”

“Kodwa yinyaniso. Ndiyenzile lo nto. Njengoko notata wakho esithi: ‘ubani makabe nengqondo ephangaleleyo’. Kodwa ungakhathazeki, ngaphambi kokuba ndilale ndithandazile. Kwaye ndikhwaze kakhulu ukuze umama eve: ‘Kwaye Tixo, ndiyacela uncede umama abe nengqondo ephangaleleyo .’”

“Tanya! Uye wenza ntoni?”

“Uthethe nje ephoxisa: ‘Oh ubunengqondo yobutsha yokufuni kuphula-phula ngelo xesha’.”

Ngexesha befika eklasini intliziyo ka-Antonia iye yama: kwakukho uSindi no-Andile, nabo befika kusasa kakhulu, begonene emva, bencokola kamnandi. UTanya umthe qwayi ngeliso elibukhali u-Antonia. “Baqale nini ukuvana kangaka aba babini?”

“Owu, mhlawumbe baxoxa ngendlela yokulwa nomhedeni, umzekelo: mna,” watsho u-Antonia engakhathali, kodwa ngaphakathi evutha ngumsindo.

Bababona aba babini, emva koko u-Andile waqalisa ukubhala kunomyayi.

Hi –awusathethi nam ngoku;

Ndibukhathazeka; ndisazama ukulungisa impendulo;

Sawuthetha msinyane

Intliziyo yakhe yaqala ukonwaba kancinane, kodwa kwaqalisa ukufika abanye abantwana uninzi lwabo lumjonga ngokothuka nangeentloni behlalela kude kuye. U-Antonia wahlala naye amehlo akhe ejonge phantsi, othukile. Infamy. Isikolo siyadika. Ndiyawushiya lo mngxuma wesihogo. Ndifuna ukufundela ekhaya, wazicingela.

Emva koko kwangena umyalezo ongalindelekanga, ovela kuNgcebo.

Hey – ndiyacinga ukuba unyanisekile kwaye ukhaliphile.

Izibhanxa zika-FB kufanele zigxothwe. Ndiyakuxhasa.

Emva koko kwangena omnye, ovela kwenye intombazana angayaziyo: Lebo.

Kaloku abanye abantwana bazizidenge nyhani

Ngale nto. Ndikwicala lakho.Nje ukuba wazi: Ndiphulukene nokholo lwam.

Ngoku yile yokungakholwa kuTixo. Ndiyakuvela gal.

Wancuma kancinane. Wayengoyikeki kangako.

Kodwa lo yena mntu ikuphela kwakhe ayifuna ngamandla inkxaso nothando lwakhe uya kumthuthuzela nini? Ndiyakucela, Andile, uze kundibona ngexesha lekhefu. Ndiyakucela.

***

Khawusichazele ukuba ucinga ntoni: Ingaba u-Antonia uyaqatyelwa, okanye ingaba abantwana banalo ilungelo lokuvakalisa izimvo zabo kuFacebook?