U-Bulelwa waphakamisa intloko yakhe wajonga ngaphaya kwenkungu emfiliba yekamere ngakumakhulu. Ngakwisithatha sekhandlela wayebona amehlo kaGogo emjongile, ngaphaya kwelaphu elifumileyo elaligqube umlomo nempumlo. Nangona kwakukho ukukhanya okungacacanga nokoyika, uBulelwa wayeluva uthando nokomelela luvutha luvela kwixhewukazi lusiza kuye.

U-Bulelwa waya kuye zaze zadibana izandla zabo. Wayenangalisiwe kukomelela kokucinizela uGogo owakunika iminwe yakhe. Izandla zakhe zazisomelele. Ulusu kuzo lwalubhityile ngokungathi liphepha kwaye zazirhabaxa zishwabene kodwa zazisomelele.

U-Bulelwa waziphakamisela ebusweni bakhe waze wabeka isidlele sakhe kwintende erhabaxa kamakhulu wakhe. Wavala amehlo akhe, kwaye naye wayengaqinisekanga ukuba ubumanzi awayebuva buvelaphina – ingaba amehlo akhe ayeliliswa ngumsi, okanye wayelila?

Ezi yayizizandla ezazimbamba qinileyo njengomntana, zaze zamfundisa indlela yokubamba imela nokuchuba imifuno, indlela yokuzamisa ipapa kamilimili embizeni.

U-Bulelwa ngoku wayebona ngokucacileyo – umakhulu wakhe exhoma ivasi ayishiye iphephezela ngamandla kumoya wasehlotyeni phantsi kwelanga elitshisayo, umakhulu wakhe eme ekhitshini, irediyo ikhalela phezulu, e-ayina iyunifom yesikolo yakhe nekaLanga, ngeli xesha bona bobabini bedlala imidlalo phantsi ngasezinyaweni zakhe.

Lungu – uphi ngoku xa sikudingayo?

U-Bulelwa weva iinyembezi zakhe ezishushu eziphuma phakathi kweenkophe zamehlo akhe avalwe mba. Wafinya kakhulu. Wayesiva intliziyo yakhe ingongoza ebeleni lakhe.

Wayengafuni ukuvula amehlo akhe. Wayengafuni ukubona indlela umlilo owawuqhubela phambili ngayo, okanye wawusondele kangakanani. Wayengafuni ukubona amalangatye ngaphandle etshisa ucingo olutsolo phezulu nolumhlophe uGogo owenza ukuba uLunga alipeyinte ngosuku olunye. Wayengafuni ukubona isitiya semifuno umakhulu wakhe owayesabayalela ukuba batyale kuso ze basinkcenkceshele mihla yonke, nakwimbalela, ngamanzi abavasa ngawo e …

“Hamba uyokunkcenkceshela isitiya Bulelwa!”

U-Bulelwa weva amazwi kamakhulu wakhe ngokucacileyo ngokungathi wayewathetha. Wavula amehlo akhe. Umakhulu wayethe cwaka, amehlo akhe evaliwe, kuvakala ukuphefumla kwakhe.

***

Khawusichazele: Ingaba unaye utatomkhulu/makhulu odlala indima ebalulekileyo ebomini bakho? Uziva njani ngaye?